root - June 13, 2023

Nombulelo Damba-Hendrik 

Amakhaya eentsapho ezingama-25 atshatyalalisiwe ngoDisemba ka-2022. 

Abakafumani ncedo ukuza kuthi ga ngoku Iintsapho ezingama-25 zaphulukana namakhaya azo kwizikhukula kwindawo yaseGcuwa, eMpuma Koloni, ngoDisemba ka-2022. 

Abo bangenayo enye indawo yokuhlala bathenjiswa ii-bungalows, kodwa ukuza kuthi ga ngoku abakafumani ncedo lukarhulumente. Umasipala wale ndawo uthi usezandleni zesebe lokuhlaliswa koluntu ephondweni kunye nomasipala wesithili saseAmathole.

 Imizi yeentsapho ezingamashumi amabini anesihlanu, uninzi lwazo ezazakhele ngezitena zodaka, zatshatyalaliswa zizikhukula kweyoMnga ngo2022 eNgqamakhwe, ngaseGcuwa, kwilali yeMpuma Koloni. 

Ezi ntsapho zithi ukuza kuthi ga ngoku azikafumani ncedo kurhulumente. 

“Amagosa afike kanye apha, esithatha imifanekiso siphila ngezithembiso ezingento. Abantu baphulukana nezinto zabo, abanye baphulukana nokutya. Akuzange kusiwe nepasile enye yokutya,” utshilo uPhumla Ntabeni, owatshatyalaliswa uronta wakhe. 

Uphakathi kwabo bambalwa banethamsanqa lokuba nezinye izakhiwo eziye zasinda kwizikhukula. 

“Okubuhlungu kukuba kukho amagosa ebelapha – efota, ethembisa ngokuncedisa oomakhulu bethu, ebanika ithemba elingeyonyani,” utshilo uDumisani Tshuku, inkokeli yabahlali belali iNgcisininde Komkhulu. 

“Ukuba ujonga umzi ka[Nowezile] Mlonjana, yintlekele. Ushiyeke nela gumbi linye kuphela endlwini elinokuwela kuye nangayiphi na imini,” utshilo uTshuku.

UMlonjana uneminyaka engama-73 kwaye unabazukulwana ababini abanonyaka omnye. “Ndandinendlu enamagumbi amathandathu njengokuba ubona.

Ezi zikhukula zitshabalalise amagumbi amahlanu. Ngoku ndishiyeke neli gumbi linye ndilisebenzisayo,” utshilo. 

Igumbi linomngxuma kudonga olungasemva olugqunywe yizinki. Uphahla alunabungozi, luyavuza, kwaye lunokudilika. 

“Ndithembele kwinkamnkam yabadala nakwimali yenkxaso yabantwana yabazukulwana bam ababini. 

Wasweleka unyana wam owandincedisa ekwakheni le ndlu. Ndishiyeke nomzukulwana wam oseMonti ekhangela umsebenzi,” utshilo uMlonjana. 

Kodwa usenethemba lokuba urhulumente uzakumnceda. Uthi: “Xa ndibona imoto idlula endlwini yam, ndisoloko nditsibela ngaphandle ukuze ndijonge ukuba ayindikhangeli na. 

UMlonjana uthe amagosa amqinisekisile ukuba uza kufumana indawo yokuhlala ngoFebruwari.

“Andazi ukuba kukangaphi ndisiya kwikhaya likaceba wewadi, ndimcela ukuba aze kubona indlu yam,” utshilo. 

“Amagosa awayewathumele ukuba aye kufota ayibona le ndlu, ade athi mandishukunyiswe ngoko nangoko. Ukusukela loo mini, akukho mntu ubuyileyo. Noceba wewadi endimvoteleyo akakalubeki unyawo lwakhe kule ndlu.”

Isithethi somasipala waseMnquma uLoyiso Mpalantshana ungqinile ukuba amagosa athunywe ukuba aye kuhlola umonakalo kwaye aqinisekise ukuba bangaphi abantu abathe bagxothwa. 

Uthi olu lwazi luthunyelwe kumasipala wesithili saseAmathole, ojongene nolawulo lweentlekele, nakwisebe lephondo lokuhlaliswa koluntu. 

Uthe umasipala angabonelela ngomhlaba xa isebe libonelela ngezindlu. 

Imibuzo ebithunyelwe kwizithethi zesebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni uCaswell Mabunda noPhiwokuhle Soga kwisithuba esingaphaya kweveki ayikhange iphendulwe. 

Uceba wale wadi uLunga Dyantyi uthe isebe lithembise ngokunikezela ngamanqwanqwa ethutyana angamashumi amabini anesibini, kodwa akukho nto iphunyeziweyo. 

Uthi nomasipala wesithili saseAmathole akukho nto ayenzileyo. UDyantyi uthe kukho amaxhoba entlekele ukusukela ngo2017 asalinde izakhiwo zethutyana.

Share this:

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *