
Size ePosini bathi akukho mali”
NgoLwesihlanu, i-Postbank ivume ukuba kukho ingxaki ethintele abantu abaninzi abafumana inkxaso-mali ukuba bafikelele kwiintlawulo zabo zikaJanuwari ka-2023.
Ibhanki yasePost ithi lo mba usonjululwe.
Kodwa iGroundUp ityelele isebe leentlawulo zaseKapa ngoLwesibini kwaye yafumanisa ukuba abaxhamli abaninzi abakahlawulwa.
Esi sisihlandlo sesibini kwisithuba esingangenyanga “ingxaki yenkqubo” enkulu kwiBhanki yasePost ishiya abaxhamli besibonelelo beneepokotho ezingenanto.
Umama waseKapa uchithe iiyure efole ngaphandle kwePosi e-Athlone kule veki, enqwenela ukuyolanda isibonelelo sikarhulumente esingahlawulwanga somntwana wakhe.
“Inyanga kaNovemba ndagqibela ngokufumana isibonelelo sika-SASSA somntwana wam,” u-Angelina Stuurman uxelele iGroundUp ngelixa wayelinde uthotho lwabanye abaxhamli abangazange bayifumane imali yabo ngoJanuwari ka-2023.
Kwisetyhula, i-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yoMzantsi Afrika (SASSA) ithi zonke izibonelelo kufuneka zihlawulwe ngoLwesine, umhla wesihlanu kuJanuwari. Kodwa ngolwesiHlanu, iPostbank, kwingxelo, ivumile ukuba inkqubo yayo yokuhlawula iphinde yachaphazeleka yenye “ingxaki” nto leyo ethetha ukuba abantu abaninzi abakwazanga ukufikelela kwizibonelelo zabo.
Isithethi sebhanki yasePost uBongani Diako uchaze ukuba le nkqubo “azinzanga” ngentsasa yangoLwesihlanu. Oku kubangele ukuba abaxhamli bezibonelelo zoluntu abasebenzisa ikhadi legolide lakwaSASSA/Postbank bafumane “imingeni xa besenza iitransekshini”. UDiako uthe lo mba usonjululwe ngolwesihlanu emini emaqanda.
Nangona kunjalo, xa iGroundUp ityelele isebe lase-Athlone SASSA nePosi ngoLwesibini, siye sathetha nabaxhamli abaninzi abangekayifumani imali yabo yenkxaso-mali ebeyifuna kakhulu.
Phakathi kwabo kwakukho uStuurman. Uthe intlawulo yokugqibela yonyana wakhe yenkxaso yomntwana yayingoNovemba kwaye nayo yahlawulwa kade.
Akakayifumani isibonelelo sikaDisemba nangoJanuwari. NgoLwesibini yayilixesha lesithathu etyelela le ofisi ebuza ukuba kutheni isibonelelo singahlawulwanga.
“Ndiqale ukufika ngoDisemba, bathi bazoyilungisa le nto. Benza ikopi yekhadi lam lakwaSASSA
kunye nesazisi sam kodwa akukho nto. Ngoku ndime apha kwakhona kuba u-SASSA undithumele apha ukuba ndisombulule umcimbi wentlawulo,” utshilo.
Ngoku uStuurman akaphangeli kwaye uxhomekeke kwimali yesibonelelo ukuthengela umntwana wakhe oneminyaka esixhenxe ubudala oqala kwisikolo esitsha ngoMvulo. “Ngenene abazali baxhomekeke kule mali. Bafanele baphile njani? Ezi nyanga zimbini zidlulileyo bezinzima kuthi,” utshilo.
Ekupheleni kosuku wayesele ehlawulwe.
UStuurman ebekunye nomazala wakhe uYolanda Lawrence obengekasifumani isibonelelo sakhe sokukhubazeka kule nyanga. “Andikwazi ukuhlawula amatyala am okanye nantoni na. Kuye kwafuneka ndixelele wonke umntu ukuba ndiboleke imali kuye, ukuba andikasifumani isibonelelo sam.”
ULawrence ufumene isibonelelo ukusukela ngo-2015 kwaye wathi akazange abe nayo nayiphi na imiba yentlawulo kude kube ngoku.
Ezantsi emgceni yayinguSadiyah Manuel nabantwana bakhe abaminyaka inye nesithandathu. Eli yayililinge lakhe lesithathu e-ofisini lokufumana inkxaso-mali yenkxaso yabantwana.
“Size ePosini kwiveki ephelileyo kwathiwa akukho mali,” utshilo uManuel. Uthe xa ebuya ngoMvulo kusasa ngentsimbi yesithandathu kusasa, wathi umgca wawujikeleza esi sakhiwo. “Kwakukho abantu abamalunga ne-100 ababesele belindile.”
“Intombi yam kufuneka iqale ibanga R kodwa akukho mali yokubhalela. Uninzi lwethu aluphangeli, yiyo lo nto sixhomekeke kwezi zibonelelo,” utshilo uManuel.
Le asiyongxaki yokuqala yokuhlawula ePostbank. Kwinyanga ephelileyo, izigidi zabaxhamli abasebenzisa amakhadi egolide e-Postbank/SASSA abakwazanga ukutsala izibonelelo zabo zezentlalo kwii-ATM. Ngelo xesha, u-SASSA wathi oku kulandela uhlaselo kunye nobuqhophololo kuthungelwano lwentlawulo ngabaphuli-mthetho.
UDiako uthe bamalunga nama-4,450 abantu abachatshazelwe yile ngxaki ngoLwesihlanu. Uthe le ngxaki bekumele ukuba sele ilungisiwe ngoku. — GroundUp