
Abaninzi bashiyeke bophuke imiphefumlo emva kokuva ezindaba
NGUAMBESIWE MBANA
Bamchaze njenge gorha umqeqeshi webhola ekhatywayo ongasekhoyo uMnu Mikel Lukhubeni kwinkonzo yesikhumbuzo ebibanjelwe kwiholo laseJoe Slovo ngomhla wama21 Juni 2023.
Emva kokugwintwa ngokungenalusini kwenye yeelokishi ezinkulu nezinobudlobongela eKapa, iKhayelitsha eSite C kumabala ezemidlalo kushiyeke abaninzi beneentliziyo ezityumkileyo.
“Bendikhona ngexesha kusenzeka isenzeko sokuba egwintwa umqeqeshi wethu kwaye kunanamhlanje andikakholelwa, ibingumbono ombi kakhulu ukubona umzimba wakhe elele phantsi ngephanyazo,” ucacise ngelitshoyo omnye wabadlali bakhe uMike uSamora Motloung.
“Ebengengomqeqeshi wethu kuphela koko ebekwanguye nomzali wethu,” utshilo.
Wongeza ngelithi ebenemigaqo ebekufuneka ilandelwe ebaleni kwaye ebesoloko efuna be baphumelele xa bedlala.
“Engafuni ukuba sibambane ngamanqaku namanye amaqela okanye singaphumeleli konke konke andikakholelwa nangoku ukuba asoze ndimbone kwakhona,” engcwengise iinyembezi uqhubeleke watsho.
Umongameli weSAFA (South African Football Association) eKapa uBailey Bennett umchaze njengomntu obengoyiki nto kwakunye nobengakhethi bala uMike.
“Ukuba ungumntu okwibhola ekhatywayo kunyanzelekile ube kanti uyamazi uMike, ebengomnye wabalinganiswa obungenokwazi ukungajongi kubo ebaleni,” uqhubeke ngelitshoyo.
Unike ingxelo ngendlela awayexheleke ngayo emphefumlweni mhla wava ngawo umphanga kodwa waphinda wazithuthuzela ngelithi abantu kunyanzelekile bayazi ukuba baphila kwiindawo ezinobudlobongela.
Abaninzi bashiyeke benentliziyo ezibuhlungu ngokusweleka koMqeqeshi uLukhubeni, umongameli weLFA (Local Football Association) uZukile Basopu umchaze njengomntu obesoloko efuna ukubona inkqubela phambili kwibhola ekhatywayo ingakumbi kuba ntwana abasuka elokishini.
Iqhawe malilale ngoxolo imisebenzi yalo emihle ayisoze ilibaleke nokuba angalala kobandayo kwakunye nasemadlakeni umqeqeshi.