Peter Luhanga - April 28, 2026

Inkudla ithi umtyholwa unobungozi ekuhlaleni, angabuchitha ubungqina kwaye agqogqise amangqina.

Sandiso Phaliso

Inkundla kamantyi yase Athlone isikhabile isicelo sokuba uAsiphe Sosanti axoxe ityala engaohandle, emveni kokuba watyholwa ngokubulala uCeba kaKhongolose uLazola Gungxe ngomhla wesithathu kwinyanga yoMdumba kulo sikuwo unyaka. 

Ekupha isigqibo ngomhla wamashumi mabini anesithathu kule nyanga kaTshazimpunzi, uMantyi uKeith le Kleur uthethe wathi abezotshutshiso banyetyala elingqingqwa elibonakalisa ukuba lo kaSosanti uyabandankanyeka kwesi sehlo, ukukhutshwa kwakhe ukuba axoze engaphandle kuzobangela ukuba kungabikho ukhuseleko ekuhlaleni, emangqineni kwaye ingalo yomthetho ayikuvumeli okokuba akhululwe axoxe ngaphandle. 

Lo ka le Kleur uthe inkudla “yonelisekile ukuba abezotshutshiso banetyama elingqingqwa” kumtyholwa.

“Kuninzi ekucacisa ukuba umtyholwa ukuba wakhululwa uku a axoxe ngaphandle uzakuphinda enze ubundlobongela kwaye agrogrise amangqina. Angaphide angazi ezinkundleni ukuzoxoxa ityala ukuba ukhululwe,” uthethe watsho lo ka Le Kleur.

Uthethe wathi esinye sezizathu zokuba angamkhululi umtyholwa kukuba kukho abahlali abangaphaya kumakhulu alithoba athe atyikitha phantsi anikezela ixwebhu kwinkudla ukuba umtyholwa angakhululwa.

“Abahlali badikiwe bubundlobongela,” utshilo, ecacisa ukuba “elityala linobuzaza”.

Abezotshutshiso batyhola ukuka uSosanti ebehamba nomnye umntu ukubulala lo kaGungxe, emveni lo kaGungxe wayenomhlagano nabahlali kwiholo loluntu kule ngingqi yase Nyanga.

UGungxe ebengu Ceba kwindawo yase Crossroads kwaye equka ne Nyanga, ne Crossroads kwaye ne Philippi.

Umcuphi wetyala uxelele inkudla ukuba umrhanelwa uzezakuphinda ongezwa amanye amanye amatyala ekuhambeni kwexesha.

Izityholo zokuba wayekwenye indawo

USosanti uthi xa lixoxwa ityala uzakuxelela inkundla ukuba yena akanatyala.

Usapho, nabangani kunye nabatbandi bombutho ka Khongolose bebeyile enkundleni kwaye noNkosikazi kaGungxe ebekhona.

Igqwetha lika Sosanti, uMnumzana uMlu Mabi, uxelele inkundla ukuba zikhona izinto ezinobangela ukuba lo ka Sosanti akhulululwe axoze engakhandle. UMabi uthethe wathi umcuphi uxelele inkundla ukuba umtyholwa wabonwa nganantu ababini kwindawo yexhwayelo kodwa uSosanti wayese Khayelitsha eheli nabangani bakhe ngexesha lexhwayeli, omnye wabangani bakhu ngu “Mnumzana Sikhumbuzo” 

UMabi uthi umcuphi uthini isiganeko senzeke kwimizuzu elishumi linesihlanu phambi kwentsumi yesithathu ukuyotsho kwimizuzu elishumi linesihlanu emveni kwentsimbi yesithathu, kodwa lo kaSosanti uthi ngeloxesha yena nabangani bakhwela kwimoto eqashwayo baya eMitchells Plain nomzuzu wesine emveni kweyesithathu intsimbi kumqhumbi ogama lingu Sbu.

Uthi umqhubi we moto ecelwayo wacelwa kwimizuzu embibini phambi kwentsimbi yesithathu kwaye lo uSikhumbuzo uzakuza enkundleni nengxolo etshoyo kuba yayonguye owayeqeshe imoto.

“Yonke le nkcaza abezotshutshiso bayinikwa kwasekuqaleni. Okuyimyaniso, umcumphi wayinikwa le nkcaza. Ukuba waya kwangethuba, kwiintsuku zokuqala, ayilandele le nkcaza, ngewayeyifumene umifanekiso bhanyabhanya,” litshilo igqwetha. 

“Kuyabonalala ukuba umcuphi uyile kumqhubi wemoto eqashwayo, kodwa ngelishwa umqhu uthi akasakhumbuli ukuba ngala mini wakhwelisa bani kuba bebaninzi abantu abakhwelisa ngemini. Ayikho into ethi ezotshutshiso banetyala elingqingqwa,” utshilo uMabi, wagqibezela ngelithj umtyholwa makakhululwe axoxe lengaphandle kuba enawo umthetheleli ukuba wayephi ngala mini yesiganeko.

Amatyala asawaxoxayo

Ngaphandle kweli ityala, uSosanti unamatyala amabini awaxoxayo, elinye computer ongekho semthethweni elinye lelokubulala. 

Kuwo womabini la matyala uxoxa engaphandle.

“Kuwo la matyala adecaleni ummangalelwa zange angayi enkundleni. Ayovakali ukuba uzakulibaleka neli ityala,” utshilo uMabi. 

Uthe abezotshutshi kufuneka bakhangela abona bantu benze esi siganeko sokubulawa kuka Gungxe, hayi umrhanelwa. 

Abezotshutshiso baxoxe ukuba lo kaSosanti uyakwazi ukufumana imipu kwaye unetyala alixoxayo elibandakanya umpu.

Uthe ubungqina buka Sikhumbuzo okokuba wayehleli noSosanti ngemini yesiganeko kufuneka buohandwe, wagqibezela ngelithi abezotshutshiso banetyala elingqingqwa ngaku Sosanti.

Uthe ubungqina kuba Sosanti abuvakali kwaye kukho amangqina amabini ambeka kwindawo yexhwayelo.

Uthi ukuba lo kaSosanti angakhululwa angachaphazela uphando kwaye aphazamisane namangqina.

Share this:

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *