Peter Luhanga - April 28, 2026

Imizila yamanzi yezindlu, ukukhula kooGobityholo kunye nezantyala-ntyala zemvula zishiya abahlali bengxunguphele.

INTATHELI YETHU

Udonga lwesamente, ebekufanele lukhusela kwimvula ezinkulu, lushiya umnyango wendlu luvalekile kwindlela iSilverleaf eDunoon, emveni kweminyaka yezantyala-ntyala zemvula. Olu donga lwenza ubomi bubenzima mihla le kule ngingqi.

uThobeka Madalane, onemintaka engamashumi mathathu ezelwe, kufuneka aqabele izitepusi ezimbini phambi kokuba angene endlini yakhe ahlala kuyo nomntana wakhe onenyanga ezilishumi ezelwe. 

Akukho zitepusi zilungingileyo ngaphandle koludonga luphambi kwendlu yakhe. Umonakalo owenziwe zizantyala-ntyala zemvula kweziveki zimbalwa zidlulileyo lusabonakala. Udonga lwendlu yakhe lufumile, apha phantsi kumanzi kwaye umondlalo wakhe uwunyuse ngezitena ukwenzele uhlale uphezulwana womile.

Kugcwala amanzi rhoqo xa kunethile

Izantyala-ntyala zemvula kwimpela-veki yomhla weshumi linesibhozo nangomhla weshumi linethoba kwinyanga kaTshazimpunzi luchaphazele ezinye iindawo zase Dunoon. Kwaphinda ngeveki elandelayo yomhla wamashumi mabini anesithandathu kwachaphazeleka ngenxa yemvula.

Abahlali balapha bathi izantyala-ntyala zemvula ziphuphumalisa iindlela, aze loo manzi aye kwii yadi zabo phambi kokuba angene ezindlini. Bathi rhoqo ebusika kwenzeka lento inye.

UMadalane uthi ubomi bakhe butshintshile ngenxa yale meko, kwaye ngoku akasakwazi ukugcina impahla yendlu eninzi ngoba iyonakala. Uthethe wathi ezinye iimpahla zasendlini akusosinyanzelo ukuba azitshintshe xa zonakaliswe yimvula.

Jikelele eDunoon, nabanye abahlali bayachaphazeleka. Nangona ezinye iindela bezivalile ukhusela kula manzi wemvula, xa kunethe kakhulu amanzi ayaphumela.

Uncedo oluncinci lesiXeko saseKapa 

Abahlali bathi isixeko saseKapa siyaluthumela uncedo emveni kweemvula kuzogutyulwa okanye kunqandwe la manzi emveni kwezikhukhula zemvula, kwaye oluncedo lolwexeshana kodwa xa kuphinda kwanetha isimo sabo sibuyela esiqhelweni.

Ophethe kwisi Xeko saseKapa kwicala lwezendlela uMnumzana Rob Quintas uyingqinile okokuba ukudama kwamanzi kule ngingqi yase Dunoon kubangelwe zizantyala-ntyala zala mpela-veki yomhla weshumi linesibhozo kwaye amagosa wakhe asabele kwelo phulo ukuyonceda.

Uthethe wathi amagosa wakhe aya kwezindawo zachaphazelekayo afunxa amanzi kwaye anceda apho kufuneka khona.

Kwiindawo ezichapazalekayo abahlali bayancediswa ukwenzele babenayo imizila yamanzi ukwenzela kube lula kwaye kukhuseleke ukuncedisana nabo.

Kwiindawo ezichaphazelwa zizantyala-ntyala ingakumbi indlela iSilverleaf kuzoqhubeka kunjalo kude abantu babekufutshane nemizila yamanzi kwaye bahlale phezulwana. 

Umnumzana Quintas uthi ukudama kwamanzi ezindlini ayibangelwa kukuba imizila ayigutyulwa kodwa zizindlu ezibangela ukuba kubenzima ukufikeleleka kule mizila yamanzi.

Ukuya phambili kufuneka kulandelwe umgaqo siseko nesixeko saseKapa sibe nendlela yokuba abantu abachaphazelekileyo bafumane iindawo zokuhlala kwenye indawo ingakumbi abo bahlala kwimizila yamazi engafikelelekiyo.

Ukudama kwamanzi kubangelwa bubukhulu bemvula nobuninzi bentsuku ekunetha ngayo kwaye abantu abahlala kwindlela iSilverleaf bokhe izindlu zabo kwimizila yamanzi ebangela ukuba amagosa angakwazi ukufikelela, ngoba amanzi ebekufanele ukuba anqandwa yile mizila akakwazi kuba kokhiwe izindlu phezu kwayo.

Ukuhlala ebugxwayibeni, ukonakalelwa nokulahlekelwa

“Ndayeka ukuthenga impahla yendlu. Ingathi andihlali kwikhaya. Andonwabanga. Izitalato zinodaka. Abantwana abakwazi kudlala ezindleleni kwaye xa kunethile bayagula maxesha onke. Kule ndawo kuyanuka,” uthethe watsho uMadalane.

Udade wabo uNosipho Ginyana, naye oneminyaka engamshumi mathathu anesibhozo, ongumama wabantwana abathathu, uthi imizila yamanzi kwicandela lesithathu eDunoon zivalekile, kwaye zizo ezibangela ukuba indlela iSilverleaf ivaleke ngamanzi. Uthi olu donga lwakhiweyo aluncedi kuba amanzi aqabela ngaphaya kwalo.

Ukukhula kooGobityholo noxinezelelo kwimizila yamanzi

Amatyotyombe ase Ekupholeni, emvakwezindlu zezitena ngase Siyahlala, bekufanele kwaakhiwa ibala lezemidlalo kodwa oko babehlala phaya ukusukela ngonyaka ka 2018. Abantu bokhe izindlu zabo phezulu kwemizila yamanzi. Ngomhla wamashumi mabini anesithandathu amagosa esixeko saseKapa azama ukugutyula amanzi kodwa ngenxa yezindlu ezakhiwe phezu kwemizila yamanzi yabangela intsokolo.

Ukungabi nazindlu zisemgangathweni nokufudulwa kwabantu

Omele isebe lezindlu kwisixeko sase Kapa, umnumzana Carl Pophaim, uthi icandelo lakhe luphononongile umonakalo owenzeke eDunoon kwaye bazama ngandlela zonke ukunceda apho bakwaziyo khona.

Uthi izindlu zezitena kunye nooGobityholo bachaphazelekile zezimvula kwaye kuzanyiwe ukunceda abantu abangamakhulu mabini anesithandathu kwabo bachaphazelekayo. Eyona ndawo ichaphazeleke ngamandla kuse Ekupholeni kwaye unobangela ukulahlwa kobumdaka kwimizila yamanzi ebangela ukuba amanzi angahambi. 

Uthi icandelo lwezezindlu zelizwe lonke nguwo ebekufanele uyancedisa kwaye bayathetha-thethana neli candelo lincedise. Ukususwa kwabantu kwezi ndawo zichaphazelekayo yeyonanto inobangela umehluko kodwa akululanga ngoba awukafumaneki umhlaba apho banokusiwa khona nangona isixeko sase Kapa sinawo umhlaba esiwuboniley kodwa oku kuza kuthatha ixesha elide. Kuzakusoloko kuchaphazeleka abantu xa kunethile eDunoon kwaye kufuneka kuncediswene. 

Izindlu ezikufutshane ziyachaphazeleka kukumoshakalelwa

“Xa amagosa esixeko sase Kapa efikile ayagutyula, athathe izithombe akugqiba ahambe, kodwa emva kwezi zindlu abantu bokhe izindlu kwimizila,” utshilo lo kaMadalane.

Mkhuleni Bhaceka, oneminyaka ingamashumi mahlanu anesithathu, umakhelwane ka Madalane, naye uzokhele udonga olufana nolu luka Madalane, kodwa naye uthi aluncedi kumanzi adamileyo. 

Uthi le ngxaki yokudama kwamanzi oko yayinjalo ukusukela ngonaka ka 2016 kwaye iyaqatsela minyaka le. Ngaphakathi endlini impahla yakhe yasendlini iyonakala. Uthi phakathi endlini yakhe kukho ivumba elinukayo kwaye xa enyathela kubonakala amanzi. 

“Imigubasi namadonga endlini ayisebenzi kufuneka siyinyusile,” utshilo uBhaceni. Uthi endaweni yokuba isixeko saseKapa sigutyule amanzi xa kunethile funeka bokhe udonga oluzakuvalela la manzi phaya kwindlela iSilverleaf angezi ezindlini, kwaye ukubasusa phaya kungathatha ixesha elide kodwa ukwakha udonga kungakhawuleziswa. 

Ukufumana indlela kuyachaphazeleka 

Phaya Ekupholeni amagosa esixeko sase Kapa ayasokola ukuphumela kwelinya icala ukuyofunxa imizila ngoba iindlela zincinci. 

USimangele Ngcoba, oneminyaka engamashumi mabini anesine, uhlala kwitytyombe apho kukho imizila emibini yamanzi phakathi eyadini. Uthi le mizila ivulekile kwaye iyafikeleleka.

“Le mizila iyafikelela kwaye amagosa esixeko sase Kapa ayafikeleleka kuwo. Asiyivali le mizila,” utshilo uNgcoba. Uthi akabagxeki abantu ngokwakha izindlu ecaleni kwale mizila yamanzi ngoba isixeko sase Kapa siyasilela ukwakha izindlu.

Inkunkuma evala imizila yamanzi

Ecaleni kwetyotyombe lika Ngcoba, isixeko sase Kapa savula umzila wamanzi kwi yadi yetyotyombe lika Noluthando Mgojo. 

UMgojo uthi ngexesha esokha indlu yakhe ngonyaka ka 2018 lo mzila wamanzi wawusebenza nangona ngamaye amaxesha wayephuphuma kodwa kwaqala ukunokalala ngexesha bantu bawuvulayo begalela inkunkuma ukuquka ilindlela nokutya kwasendlini. 

Xa uthe lo mzila waphuphuma ilindle liphumela apha kuye eyadini lihle ngendlela phakathi kwezindlu. “Kusoloko kunuka apha, asinakwenza ngakumbi,” utshilo.

Umsebenzi kaMasipala, ongenakuchazwa ngamagama kuba engenalo ilungelo lokuthetha neentatheli, uthi isixeko sase Kapa siyayicoca le mizila amagosa afumane izinto ebekungafanelanga ukuba zilahlwa kwimizila. 

Omele ezamanzi nelindle kwisixeko sase Kapa, uMnumzana Zahid Bedroodien, uthi ukusukela ngomhla wamashumi mabini anesithandathu kwakhutshwa izinto ebekungafanelanga ziphaya kwimizila, kodwa ukusukela ngoko zange kuphnde kubonakale monakalo. Ucacise wathi abahlali mabasixelele isixeko sase Kapa xa le mizila ingasebenzi, wanqanda ukuba abantu mabangalahli izinto ebekungafanelanga ukuba bazilahle kwimizila.  

Share this:

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *