Iindawo zokuhlala ematyotyombeni zishiyeke zonakele ngenxa yesaqhwithi
INTATHELI YETHU

- Imimoya enamandla iphakamise ityotyombe elinamagumbi amathathu eRiverside informal settlement kufuphi neDiep River ngoMvulo. • Umhlalaphantsi uThizina Sidamba nosapho lwakhe basinde kwimizuzu embalwa phambi kokuba uphahla ludatyalaliswe ngumoya. • Zingaphezu kwama-227 izikolo ezicele ukuvalwa njengoko imozulu embi ibisanda ngamandla eNtshona Koloni. • Iintsapho ezigxothwe zizikhukula ziye zafuna indawo yokusabela kwamanye amatyotyombe avuzayo nagcwele ngabantu.
Ingxolo yokuwa kwewodrophu ivuse ixhegwazana elineminyaka engama-70 ubudala uThizina Sidamba nosapho lwakhe ngoMvulo kusasa njengoko ityotyombe labo laseRiverside informal settlement kufuphi neDiep River lalishukunyiswa yimimoya enamandla.
Bekusemva nje kokusa xa olu sapho luvuswa sisiphango.
USidamba uthe imimoya enamandla ebityhala izinki zetyotyombe ibangele ukuba iwodrophu iwe, logama udonga lwetyotyombe luqalisa ukuphakama emhlabeni.
Intombi yakhe uMonica kunye nomzukulwana wakhe oneminyaka eli-14 bazame ukuphakamisa iwodrophu bayixhasa eludongeni lwezinki ngenjongo yokomeleza ityotyombe ngaphakathi ngaphambi kokuba babuyele ebhedini bazigqume ngeengubo.
Kodwa imimoya iye yanda ngamandla, watsho, laza lonke ityotyombe laqalisa ukuphakama emhlabeni.
Usapho lwaphinda lwazama ukulibamba phantsi ityotyombe ngaphambi kokuba luyeke njengoko uphahla lwaluqalisa ukutsityulwa ngumoya.
“Intombi yam yakhala isithi, ‘Masiphume, indlu iyawa.’ Sabaleka nabazukulwana. Kwakungathi ihlabathi liyaphela,” utshilo uSidamba.
Kwimizuzu embalwa emveni kokubaleka kwabo, uphahla lwatyotyombe lwaphaphatheka lwawela eyadini yommelwane apho usapho luye lwafumana indawo yokusabela khona.
“Yonke impahla yendlu yonakaliswe ngamanzi kuquka nezixhobo zombane. Iibhedi neengubo zimanzi te. Kufuneka siqale phantsi sakhe kwakhona,” utshilo.
“Andikwazi nokupheka, yaye ndinesifo seswekile.”
Njengoko imeko ibisiba mandundu, uSidamba uthe eyona nto ayinqwenelayo kukufumana indlu karhulumente esisigxina.
Uthe wabhalisa kuluhlu lokulinda lwezindlu zikamasipala ngo-2021.
“Ndifuna indlu. Ndabhalisela indlu ngo-2021. Ndingathanda ukuba nekhaya,” utshilo.
Ummelwane uLudwe Gqupu, oneminyaka engama-47, unike uSidamba nosapho lwakhe indawo yokusabela.
“Siphila ngolu hlobo, kwaye bendingenokumshiya yedwa kule ngxaki kuba ngumntu omdala,” utshilo uGqupu.
Kodwa ityotyombe likaGqupu elinamagumbi amathathu, ahlala kulo nomfazi wakhe nabantwana babo abahlanu, nalo lichaphazeleke kakhulu sesi saqhwithi.
Amanzi ebengena ngemingxuma yophahla aze athululele ngqo kwelinye lamagumbi okulala.
I-South African Weather Service ilumkise ukuba umoya obandayo onamandla uza kubetha iNtshona Koloni ukusukela ngeCawa ukuya ngoLwesibini, uzise iimvula ezinamandla, imimoya eyonakalisayo nolwandle oluyingozi.
Kwezinye iindawo zaseKapa, imimoya igqithe kwi-100km/h.
Imozulu embi inyanzelise ukuvalwa kwezikolo ezininzi eNtshona Koloni.
Isithethi sikaMphathiswa wezeMfundo eNtshona Koloni uDavid Maynier, uKerry Mauchline, sibhengeze ngoMvulo ukuba izikolo ziza kuvalwa ngoLwesibini.
UMauchline uthe isigqibo sithathwe emveni kweengxoxo neProvincial Disaster Management Centre kwakunye neSAWS emva kokuba uqikelelo lwemozulu lubonise ukuba esi saqhwithi sibeka ubomi emngciphekweni omkhulu.
Uthe zingaphezu kwama-227 izikolo ebezisele zicele ukuvalwa ngoMvulo emva kwemini, logama ezinye izikolo zixele ukonakala okubangelwe sesi saqhwithi okusahlolwa.