
Yintambo yombane engekho mthethweni ekurhaneleka ukuba ibangele umlilo oshiye abantu abangama-65 bengenamakhaya
NguPeter Luhanga
- Amaxhoba athi akukho ncedo lungxamisekileyo lufikelele kuwo ngoMvulo, iinkokeli zabahlali zithi imeko ilihlazo.
- Iinkokeli zasekuhlaleni zicela uncedo olukhawulezileyo njengoko ezinye zeentsapho ezichaphazelekileyo zilala elubala.
Umlilo ogqugqisayo utyhutyhe amatyotyombe aseDunoons eSiyahlala ngoMgqibelo umhla we-8 kuNovemba, watshabalalisa amatyotyombe angama-21 washiya abantu abangama-65 bengenamakhaya.
Akukho mntu ubuleweyo okanye wenzakala, kodwa iintsapho ezichaphazelekayo zaphulukana nayo yonke into ebezinayo.
NgeCawe, abahlali abaphulukene nemizi yabo babonwe begqogqa uthuthu neentsimbi ezijijekileyo.
Abanye bazama ukulungisa izinki ezitshileyo ukuze baphinde bakhe, ngelixa abanye becenga abamelwane ukuba bafumane indawo yokulala.
Kwakungekho ncedo lubonakalayo; akukho kutya, akukho ndawo yokuhlala, akukho siqabu.
Isithethi seCity Fire and Rescue uJermaine Carelse uthi abasebenzi babizelwe kwindawo yexhwayelo ngo-12:15 kwaye bafike nge-12:29.
Lo mlilo wade wacinywa ngentsimbi yesibini.
Uninzi lwabantu abagxothiweyo yayingoomama nabantwana.
Phakathi kwabo baphulukene nayo yonke impahla yabo nguNolusindiswa Tokwe oneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48) nongumama wabantwana abane obehlala kwityotyombe elinemigangatho emibini nabantwana bakhe, udade wabo kunye nobhuti.
Wayengekho ekhaya xa kwakuqhambuka amadangatye, yaye xa wayebaleka ebuyela emva, indlu awayeyichithe malunga nama-R48,000 esakhiweni yayingasekho, yatsha yaphela.
NgeCawa, wabamba ihamile waza wasebenza phakathi kwaloo mabhodlo, esolula izinki ezijijekileyo ezisabotshelelwe kumaplanga atshisiweyo.
Kuyo yonke indawo awayephila kuyo yayibubomi bentsapho; iincwadi zesikolo ezitshileyo, ifriji enyibilikayo, nefanitshala etshileyo.
“Intliziyo yam ilihlwili, andiphangeli andazi nokuba ndiqale ngaphi, andiqinisekanga ukuba ndiza kuphinda ndivuse ityotyombe elinemigangatho emibini, ndixinezelekile andinandawo yokuhlala, sicenga abamelwane abangachaphazelekanga ukuba basingenise kulo, asinayo nemali yokurenta, utshilo uTokwe.
USinazo Quluba, osebenza kwaBurger King eSandown, eParklands North, ebesemsebenzini ngethuba kuqhambuka lo mlilo. Unyana wakhe oneminyaka emithathu ubudala, okhubazekileyo, wayesekhaya nodade wabo. Xa amadangatye asasazeka kuloo ndawo, udade wabo wayichola le nkwenkwe waza wabalekela kwindawo ekhuselekileyo. NgeCawe, uQuluba nomntwana wakhe baxinana kwityotyombe elinegumbi elinye koodade wabo. Indawo yakhe enamagumbi amabini awayeyirenta ngeR700 ngenyanga, yayitshisiwe. UQuluba uthi ubulela abamelwane bakhe bakwazile ukumgcinela ibhedi nezinye iimpahla, kodwa yonke enye into kuquka neekhabhathi zakhe zitshatyalalisiwe. Uthe akanalo nofifi lokuba umninimzi uza kwakha nini kwakhona, njengoko engekabuyeli kweso siza. “Ndiyabulela ukuba umntwana wam esaphila, kodwa andiphilanga, andinakhaya,” utshilo. Othethe egameni leentlekele uSonica Lategan uthi bahlatywe ikhwelo loncedo olungxamisekileyo oluquka iingubo, izinto zokuhlamba kunye neepasile zokutya eziphuma kwi-Arhente yoKhuseleko lweNtlalo yoMzantsi Afrika (SASSA) kunye nesebe lophuhliso loluntu.
Iqela lenkunkuma yesiXeko liye lacelwa ukuba lisuse ubugoxo, kwaye iSebe leSizwe lokuHlaliswa koLuntu laye laxelelwa ukuba lincedise ngezindlu zethutyana.
Inkokeli yasekuhlaleni uMamelo Leoto waseSiyahlala kwicandelo A nobebhala amagama abantu abaphulukene nemizi yabo, uthe kukholelwa ukuba lo mlilo uqale ngethuba kuqhawuka iintambo zombane ezingekho mthethweni zithe zaqhawuka.
UCarelse uthi kusaphandwa unobangela walo mlilo. Ngentsasa yangoMvulo, inkokeli yabahlali uZukiswa Khaphakati uthe amaxhoba omlilo asalindele uncedo.
Uthe kulihlazo ukuba iinkokeli zasekuhlaleni zijongane nabahlali kwindawo kungekho siqabu sikhoyo.