Peter Luhanga - August 12, 2025

Izandyondyo zemvula zigaleleke ematyotyombenni Ekuphumuleni naseBekhela, ichaphazele abantu abakumakhulu amane namashumi asibhozo.

Peter Luhanga 

  • Abafundi bancediswe ukuwela iindlela ezizele zizikhukula yiDunoon Taxi Association kunye neSAVE Foundation.
  • Abahlali bahamba emanzini afika emadolweni ukuze bathathe izinto zabo.
  • IsiXeko sithi ezindawo akufanelanga ukuba kuhlalwe kuzo, kwaye amanzi awakwazi kukhupheka  ngenxa yokuba inkqubo yamanzi emvula ivalwe zizakhiwo ezingekho mthethweni kunye nokulahlwa kwenkunkuma.

Bamalunga namakhulu amane anamashumi asibhozo (480) amakhaya abo athe aphuphuma amanzi ngethuba idami elisemva kweholo likamasipala waseDunoon liphuphuma kumatyotyombe asekuphumuleni naseBekhela emva kwemvula ebina ngamandla ekuqaleni kweveki ephelileyo. La manzi anevumba elibi nawo abaphazamise abafundi xa besiya esikolweni. Le mvula, eqale ngoMvulo we-4 ka-Agasti yaqhubela phambili ngoLwesibini, ibangele ukuphuphuma kwedami kunye nezindlu ezikhukhulayo, eziquka ezinye ezakhiwe ecaleni. Ngokuhlwa, abahlali babentywila emanzini afika emadolweni behlangula izinto zabo. Iibhedi zazibekwe phezu kwezitena ukuze zome, yaye ifanitshala yayisele imanzi. Lo mkhukula wenze ukuba ingahambeki indlela usasadza esuka ePotsdam, kwakunye nendlela iWaxberry kufutshane nesikolo samabanga aphakamileyo i-Inkwenkezi.

KwiNdlela i-Waxberry, amanzi ezikhukula ajike itela yaba licwecwe elibonisayo elinenkunkuma edadayo, nto leyo eyanyanzela abafundi abaya esikolweni ukuba balinde ecaleni kwendlela ukuze bahambe ngendlela ekhuselekileyo ngelixa izithuthi zingena emachibini. Ilungu lekomiti yesigqeba kuzwelonke weSouth African National Civic Organisation (SANCO) uBulelwa Mayende, nokwasebenza njengomncedisi kaceba wewadi kamasipala uMessie Makuwa, uthe iyure ephithizelayo yangoMvulo ijike yaba sisiphithiphithi xa indlela yokungena eUsasadza isuka ePotsdam ingahambeki. UMayende uthe kuye kwanyanzeleka ukuba angene kule ndawo ngeDumani Road, ekuphela kwendlela efikelelekayo. Kamva uMayende wancedisa ngokuthe ngqo ukuhamba kweenqwelo-mafutha kwiNdlela iWaxberry, apho amanzi ayefikelela kubude bamadolweni nobutyobo obuquka amatayara alahliweyo, buthe saa. Uthe ucele uncedo kumbutho weDunoon Taxi Association ukuze abakhwelise aba bantwana kwindlela egcwele amanzi ngeeteksi bebabeka esikolweni. I-SAVE Foundation yenza iihambo ezininzi ngesithuthi sayo, ithutha abafundi ukuya kwi-Inkwenkezi Secondary School.

Ngaphakathi kwamatyotyombe aseEkuphumuleni naseBekhela, abahlali bebesebenza ngokukhupha amanzi kumakhaya abo. 

UMayende uthe eminye imijelo kunye nemibhobho yamanzi emvula iye yavaleka ngenxa yokuba amatyotyombe akhiwe phezu kwemijelo yokuhambisa amanzi, kwaye ezinye izindlu zeRDP zandiswe kwiindledlana zokuhamba zikawonke-wonke, nto leyo evale indlela yokungena kwimibhobho yamanzi emvula. 

Uthe amanye amatyotyombe akufutshane nedami asakha amanzi kulo mhlaba ufumileyo, ebetyhala ngemigangatho. 

“Amatyotyombe akufuphi nedami asazamana nokugxojwa kwamanzi,” utshilo uMayende. 

Rhoqo ebusika, idama lizaliswa ngamanzi emvula aphuma kumatyotyombe ajikelezileyo phambi kokuba achithekele kumatyotyombe asezantsi. 

Kwinyanga yeKhala kwinyanga yeKhala, kwa eli dama linye liye laphuphuma, kwaphuphuma amakhaya kumatyotyombe 

Ekuphumuleni, achaphazele abahlali abakwikhulu elinamashumi asixhenxe anesibini.

Xa ebuzwa ukuba kutheni idama elisemva kweHolo kaMasipala waseDunoon lingagrunjwa okanye lwenziwe ngokutsha ukuze kulawuleke ngokukhuselekileyo ugcino lwamanzi kunye nokuphuphuma kwamanzi ngexesha leemvula zasebusika, nokuba ingaba isiXeko sikuthatha njengomngcipheko kumatyotyombe akufutshane neziseko zophuhliso zoluntu, ilungu ledolophu kamasipala wedolophu yaseKapa, uRob Quintas, uthe amagosa kudala ezama ukufikelela kwesi siza kwiminyaka emithandathu edlulileyo. 

UQuintas uthe uphando luye lwenziwa ukujonga ukuba iSixeko singancedisa njani na, kodwa umsebenzi awukhange uqhubeke kuba abahlali bakhe amatyotyombe phezu kweziseko ezingundoqo. 

UQuintas uthe oku kwenza ukuba amagosa angakwazi ukufumana indawo okanye ukucoca inkqubo yamanzi emvula. Uthe imiqobo ibangelwa kukulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni.

Inyaniso kukuba abantu kuya kufuneka baphume kule ndawo ukuze kwenziwe nawuphi na umsebenzi. 

IsiXeko sike satsho kaninzi ngaphambili ukuba umhlaba awufanelanga kuhlalwa ngabantu ngenxa yomngcipheko wezikhukula, utshilo uQuintas. 

Isithethi soLawulo loMngcipheko weeNtlekele kwisiXeko, uCharlotte Powell, uthe uvavanyo lonyaka lwesebe lomngcipheko wezikhukhula ukulungiselela ubusika lufumene ukuba abahlali bahlala kwindawo yamanzi yendalo, indawo ayichaza njengengafanelekanga ukuhlala. 

Ekuphela kwesisombululo sexesha elide esisebenzayo, uPowell uthe, iya kuba kukubafudusela kwindawo ephezulu. 

Uthe abasebenzi boLawulo loMngcipheko weNtlekele baye bavavanya amakhaya achaphazelekayo baza baququzelela uncedo olungxamisekileyo, bebonelela “ngoncedo oluthambileyo ngamahlakani eSixeko anikezela ngoncedo.” 

“Inkunkuma yokwakha, ukungqusha kunye nesanti zinikezelwe yiNkonzo yoLawulo lweNdlela neZiseko zoPhuhliso, utshilo. 

Share this:

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *