Bafuna isiXeko saseKapa sincedise ekusombululeni ingxaki yezindlu eluntwini

Iva Fulepu
- Abahlali baseDunoon bamise ngxi indlela iPostdam kunye neMalibongwe Drive kwiveki ephelileyo emva kokudilizwa kodonga lwezitena ezintathu siSixeko saseKapa.
- Iinkokeli zabahlali zithi kwadilizwa amatyotyombe apho abantu bebehlala khona kwaye neendonga ezingqonge amakhaya abantu zadilizwa ngaphandle kwesaziso.
- Kodwa isiXeko sithi izaziso bezikhutshiwe, bekukho nomyalelo wenkundla ovumela ukuba kudilizwe, kwaye iindonga bezingenamntu.
- Ngoku, abahlali bathi ngaphandle kokuba isiXeko sidibane nabo ngemiba yezindlu, bazakuqhankqalaza kwakhona..
Abahlali baseDunoon balumkise ngelithi bazakumisa ngxi uluntu kwakhona ukuba isiXeko saseKapa asisihoyi isicelo sabo sokuhlangana ngenxa yokungabikho kwezindlu.
IDunoon ilikhaya kubantu abamalunga nama-350,000, ngokutsho kwelungu lebhunga elibambeleyo, okuthetha ukuba uluntu lugcwele kakhulu kwaye lumbalwa kakhulu ukhetho lwezindlu ezifikelelekayo kubantu abahlala apho.
Oku kulandela ukudilizwa kweendonga ezininzi kutsha nje siSixeko saseKapa kule ndawo kwiveki ephelileyo.
Ziqengqelekile iintsuku abaqhankqalazi basematyotyombeni Ezihagwini bevale indlela ephithizelayo yasePotsdam kunye neMalibongwe Drive ngenxa yokudilizwa.
Inkokeli yasekuhlaleni uAsafika Qoboshiyana uthi: “Kuthiwe masilinde iintsuku ezisixhenxe ukuze sifumane impendulo, sisalindile. “Ukuba asifumani mpendulo, uqhanqalazo luya kuqhubeka.”
IsiXeko sithe iindonga ezithathu zezitena ezidiliziweyo azizange zihlale mntu. Kodwa iinkokeli zabahlali zithi asiyonyani le.
Amatyotyombe aliqela anabantu abahlala ngaphakathi nawo adiliziwe, bathi. Iinkokeli zabahlali zikwathi olu dilizo lwenzeke ngaphandle kwesaziso esifanelekileyo okanye umyalelo wenkundla onikezelwe kubahlali.
Kodwa isiXeko sithi bekukho umyalelo wenkundla wokugqibela. Abahlali abane ababanjwe ngethuba loqhanqalazo kulindeleke ukuba bavele enkundleni ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesithandathu kuCanzibe.
Abahlali ngoku baqokelela imali yebheyile yabo. UQoboshiyana uthi la madoda ayeme eyadini yomntu ngethuba kutyholwa ukuba amapolisa atyhoboza, ababetha, ababamba.
Indoda yesihlanu nayo yabanjwa kodwa yakhululwa kwisithuba seeyure ezingama-48. Le ndoda “isandul’ukubuya emsebenzini ebusuku kwaye yayilele ngethuba bembamba nayo,” utshilo uQoboshiyana.
Ukruthakruthwano lusephezulu eluntwini. Ngorhatya lwangoLwesine, amalungu asekuhlaleni abambe indibano enkulu apho abahlali abaninzi baphinde bavakalisa umsindo nonxunguphalo ngenxa yokudilizwa kunye nokungathathi ntweni kukarhulumente ngeemeko abahlala kuzo.
“Asiziva sikhuselekile konke konke,” utshilo uZizipho Swaartbooi, ohlale eDunoon phantse iminyaka engama-30.
“Abezomthetho bafika ebusuku bezokudiliza, emva koko abantwana bethu balale phandle kubanda. Kufuneka sibongoze abamelwane ukuba babangenise. Badiliza yonke into.
Asinamali yokuyibuyisela, kwaye abasiniki nantoni na yokuyakha kwakhona.”
Abantu abaliqela esithe sathetha nabo bathi banyanzelwa ukuba baphile ngaphandle kweenkonzo ezisesikweni ezifana namanzi nombane ngenxa yokuba isiXeko asiziqapheli iindawo zabo zokuhlala.
Uninzi luyazikhulula ngakuN7 kwaye lukha amanzi ezindlini zaseDunoon. “Bathi [isiXeko] siza kwakha iiflethi ‘zokuthenga’, kodwa asinakukwazi ukuyihlawula loo nto, asiphangeli, ukuba abasifuni apha mabasifunele indawo esikwaziyo ukuhlala kuyo,” utshilo uQoboshiyana.
Uphinde wachaza isiganeko apho abomthetho batyholwa ukuba bagibisela ilitye elikhulu kwityotyombe lomntu, baqhekeza udonga baphantse babetha ibhedi. “Kuthekani ukuba umntwana ebelele apho?” wabuza.
Uninzi lwabahlali abafudukele kwindawo yase-Ezihagwini abakwazanga kuhlawula irenti kwenye indawo.
“Asizanga kuzonwabisa nje apha. Besirenta ngaphambili, kodwa bekufuneka sikhethe phakathi kokuhlawula irenti nokondla abantwana bethu,” utshilo umhlali.
Ngoku sizama ukwakha izindlu zezitena ukunqanda izikhukhula ebusika, kwaye bazidiliza bengakhange bathethe nathi. Obambeleyo nguceba wale wadi uThando Dedezane ungqinile ukuba akazange aziswe kwangaphambili malunga nokudilizwa kwiveki ephelileyo.
“Akhange kubekho nxibelelwano luvela kwisiXeko, ulwazi oluphuma eluntwini lwelokuba umyalelo wokugqibela wenkundla wawungoka-2023, unxulumene nomba wokufuduka,” utshilo.
Emva kokudilizwa ngomhla we-12 kuCanzibe, ilungu lekomiti kasodolophu kuKhuseleko noKhuseleko uJP Smith uthe, “Kubalulekile ukucacisa ukuba akukho zakhiwo zidiliziweyo, ngokuchaseneyo nezinye iingxelo.”
Kuphela ziindonga ezintathu ezenziwe ngezitena nodaka ezadilizwayo.
Uthe abahlali bakhutshelwa izaziso ezisesikweni zokususa iindonga, kodwa basilela ukuthobela.
“Esi siza sixhomekeke kwiinkxalabo eziqhubekayo zokuhlaselwa komhlaba,” utshilo uSmith.
“Nawuphi na umntu oceba ukwakha kufuneka afumane isigunyaziso kumnini-mhlaba osemthethweni. Siyalugxeka kabukhali naluphi na uqhanqalazo olunobundlobongela ngokusabela kumanyathelo asemthethweni athatyathwe ngabasebenzi beSixeko.”
Kwizicwangciso zokufudusa amanye ala makhaya, isithethi sesiXeko uLuthando Tyhalibongo uthe, “Ukufuduka kudla ngobunzima.”
Uthe nangona kungekho zicwangciso zikhawulezileyo zokususa nabani na, isiXeko sizakunxulumana “naye nabaphi na abantu abachaphazelekayo, nabaqinisekisiweyo ngokobuqu phambi kwalo naliphi na inyathelo elinjalo”.