root - July 9, 2024

Ilungu le-Mayco likhankanya imiceli mngeni yolawulo ukusukela kubhengezo lweprojekthi yezindlu yase-Annandale ngo-2018 

Peter Luhanga 

Ngaphandle kophuculo lwakutsha nje, izicwangciso zezindlu ezifikelelekayo eDunoon, ezabhengezwa ngowayesakuba ngusodolophu waseKapa uPatricia De Lille kwiminyaka emithandathu eyadlulayo, ziye zahlangabezana nokulibaziseka okungaphezulu ngenxa yeenkqubo zolawulo oluqhubekayo. 

Ngo-2018, ngaphambi nje kokugxothwa kwakhe kwiDemocratic Alliance, u-de Lille wabhengeza kubaphulaphuli ababekwiholo kamasipala waseDunoon ukuba iSixeko siwufumene umhlaba ecaleni kwe-N7, ngaphaya kweDunoon kunye necane nelali yaseRichwood kunye neKillarney Gardens. 

Wathi lo mhlaba uzakusetyenziselwa ukwakha izindlu zabahlali baseDunoon kuphuhliso olwaziwa njenge-Annandale project. 

Ukuza kuthi ga ngoku, akukabikho zindlu zakhiweyo. Ilungu leMayco lezokuhlaliswa koluntu, uCarl Pophaim, uxelele Iliso Labantu ukuba isicelo somthetho kamasipala wocwangciso sangeniswa ngenyanga yoMsintsi ngo2022, saze sasiwa phambi kwenkundla yocwangciso lukamasipala ngoTshazimpuzi walo nyaka, emva kweenyanga ezingaphezulu kweshumi elinesibhozo. Imvume inikwe nge-30 kaMeyi. 

Kulandela isicelo somthetho kamasipala, uvavanyo lokusingqongileyo olulawulwa liSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noCwangciso loPhuhliso (DEADP) lwaqaliswa kwaye lusaqhubeka. Le nkqubo kuqikelelwa ukuba iyakuqukunjelwa kweyoMnga wonyaka ozayo.

Xa ebuzwa ngokubandakanywa kwabahlali baseDunoon kwiprojekthi yolwakhiwo lwezindlu, uPophaim uthe kusafuneka kuqondwe inani labafake izicelo abafanelekileyo eDunoon. 

Uthe ulwakhiwo luya kuqalisa xa zonke iinkqubo ezisemthethweni zigqityiwe, kwaye iSixeko sigqibezela ukukhutshwa komhlaba kwaso, ukuthenga, kunye neqhinga lokuphumeza. 

Nangona uvavanyo lokusingqongileyo luza kugqityezelwa ngeyoMnga kulo nyaka uzayo, uthe mininzi imiba esele iphunyeziwe ukuza kuthi ga ngoku. 

Oku kuquka uphononongo lokwenzeka kwesiza, uvavanyo olwenziwa liqela loyilo, ukulungiswa kwezinye iindlela zophuhliso lwesiza, ulungiselelo lwesicwangciso sophuhliso lwesakhelo, ukungeniswa kwazo zombini ezi zimbini zoVavanyo lweMpembelelo yokuSingqongileyo kunye nesicelo somthetho kamasipala, kunye nokuvunywa kocando ngokutsha lomhlaba kwindawo ecandelwana. 

Ephendula kwiinkxalabo malunga nokuxinana kwabahlali baseDunoon, uthe le projekthi ijolise ekunikeni amathuba ngeenkqubo ezahlukeneyo zezindlu kubaxhamli abafanelekileyo. 

Ukukhethwa kwabafaki-zicelo kumathuba ezindlu, uthe, kusekwe kumhla ababhalise ngawo kwiRejista yeeMfuno zeZindlu. 

Ukhuthaze abahlali ukuba bajonge kwaye bahlaziye iinkcukacha zabo zobuqu kunye nezonxibelelwano kwiRejista yeeMfuno zeZindlu ukuqinisekisa ukuba bayafikeleleka kumathuba anokubakho.

Olu phuhliso lujolise ekubandakanyeni amaziko ahlukeneyo kunye nezinto eziluncedo, kubandakanywa iindawo zophuhliso lwezorhwebo ukuvuselela amathuba oqoqosho. 

Indawo yenzelwe ukubonisa umxube we-Gap, iNtlalo, kunye nezindlu zeMarike, ukulungiselela amaqela emivuzo eyahlukeneyo kunye nokubonelela ngeendlela ezahlukeneyo zokuhlala, kuquka ubunini kunye nerenti. 

IDunoon iphakathi kweelokishi ezaxhamla kulwakhiwo lwezindlu ezixhaswa ngurhulumente kwangethuba ngexesha lasemva kocalucalulo. 

Phakathi kuka-1996 no-2000, ulwakhiwo lwezindlu zeRDP ezingama-2,964. 

Nangona kunjalo, akukho projekthi zintsha zezindlu ezixhaswa ngemali ngurhulumente eDunoon kule minyaka ingama-24 idlulileyo, nto leyo ekhokelela ekubeni abahlali bafune izindlu zokuhlala kumhlaba kamasipala kunye nabucala njengoko inani labantu liqhubeka likhula. 

Itshantliziyo lasekuhlaleni nongusihlalo weSouth African National Civic Organisation (SANCO) isebe laseDunoon, uSinethemba Matomela, uthi ukungabikho kophuhliso lwezindlu eDunoon ukusukela ngo2000 kukhokelele kumatyotyombe angamashumi amathathu anesithathu eDunoon nakwimimandla eyingqongileyo ukusukela oko yasekwayo. 

UMatomela uthe ukucotha kweprojekthi yolwakhiwo lwezindlu yase-Annandale kuyakhathaza njengoko iintsapho zikhula kwaye abantwana befuna ukuba ngasese baphume kumatyotyombe abazali babo bayokwakha awabo nakweyiphi na indawo evulekileyo abanokuyifumana. 

Oku kwakusenzeka ngokukodwa kwabo bangenako ukuhlawulela irente kwamanye amatyotyombe okanye kwiiyadi ezingemva kwezindlu Uthe abantu bafudukele eDunoon ngenxa yokuba ingqongwe ngamathuba emisebenzi kwiindawo zemizi-mveliso yaseKillarney Gardens naseMontague Gardens, kwakunye nokuba kufutshane namakhaya afumileyo eBlaauwberg. 

Ukwathe enye into ebangela ingxinano eDunoon lizinga eliphezulu labantu abangaphangeliyo, nto leyo ekhokelela ekubeni abanye abahlali abasele benamatyotyombe kwamanye amatyotyombe bangene kwiindawo ezingenabantu eDunoon baze bakhe amatyotyombe abawaqeshileyo ukuze bafumane umvuzo.

Share this:

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *