Inkosikazi ifunyenwe ngaphakathi kwityotyombe elitshixiweyo eDunoon

Misheck Makora
Usapho lwaseDunoon luxhelekile emva kokuba intandane yalo ifunyenwe ibhubhele etyotyombeni ngoSuku loNyaka oMtsha.
USinesipho Ncwadi (22) uye elwandle ngoNcibijane kunye nabazala bakhe nezinye izihlobo.
Malunga nentsimbi yesibini ekuseni, iqela lagqiba ekubeni libuyele ekhaya.
NgokukaMandisa Ncwadi ebehamba noSinesipho, imoto bebeyiqashile bengazimiselanga yabashiya ngasemva.
“Umqhubi wemka mhlawumbi ebecinga ukuba wonke umntu ungaphakathi emotweni, watsho uMandisa. Uthe uSinesipho osandul’ ukufika eKapa, ukhathazekile kwaye unestresi ngendlela abaza kugoduka ngayo.
“Ngeli xesha elilayo kwamisa iteksi phambi kwethu kwaye inamantombazana amahlanu kunye nomqhubi. Basibuza ukuba uSinesipho ulilelani, ndabacacisela. Kodwa uMandisa wathi abamkholelwa wanyanzelisa ukuba athathe uSinesipho ayomlahla ekhaya kuba babecinga ukuba usengxakini.”
“Wathi wayegqibela kudala ukumbona esaphila, kuba wayeshiywe nabanye abahlobo bakhe. Umalume kaSinesiphos, uJohn Ncwadi, ukholelwa ukuba umtshana wakhe wabulawa xa wayegoduka emva kokuwiswa yiteksi.
“Ndifuna ukukholelwa ukuba iteksi yamthatha yamsa eDunoon, kodwa wahlaselwa ngethuba egoduka, utshilo uJohn. Olu sapho luthi lubhaqe esi siganeko emva kokubhala kuFacebook malunga nenkosikazi ehamba ze efunyenwe ebhubhile kwityotyombe eDunoon.
UMandisa uthe waya kwindawo yexhwayelo, kwaye wayenexhala ingakumbi emva kokuba engakhange adibane noSinesipho ngempumelelo ngala mini.
“Xa sixelelwa ukuba umzimba sele ukhutshiwe kodwa ukhululwe. Baye basibonisa iimpahla ndaqinisekisa ukuba yimpahla yakhe. Ngelo xesha ke ndagoduka ndabiza abantu abadala, watsho uMandisa.
“Umnini wetyotyombe uye kumthandazo wobusuku bonke waze wathi xa ebuya iingcango zitshixiwe kangangokuba wagqiba ngokuqhekeza umzi wakhe wafumanisa into embi, utshilo uJohn.
Isithethi samapolisa uKapteni Frederick van Wyk usiqinisekisile esi sehlo. “Le ofisi ingangqina ukuba ityala lokubulala nokudlwengula liyaphandwa kwisikhululo samapolisa saseMilnerton, kulandela isiganeko apho umzimba wexhoba elineminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala wafunyanwa ugqunywe ebhedini kwisitalato iNgena eDunoon,” utshilo uvan Wyk.
Uthe eli tyala liyaphandwa kodwa akukabanjwa mntu. Onolwazi ngesi sehlo uyacelwa ukuba atsalele iCrime Stop ku-08600 10111.