root - June 11, 2024

Bambi bathi nguNkosi sikelela 

AMBESIWE MBANA

UZakhe Ntshakaza nowaziwa ngokuba yiNkosi Yama Ndebele wothuse abalandeli bakhe ngengoma ayikhuphe noTallrickyworldwide enesihloko esithi, ‘Chom’.

Le nkwenkwezi iqaqambayo yinzalelwana yase Mthatha eMpuma Koloni nangona efihla intloko kweli leentlanzi. 

Emva kokugqiba amabanga wakhe aphakamileyo uye waza kweli leentlanzi ukugqibezela imfundo enomsila. 

Igama ‘INkosi Yama Ndebele’ ligama awaziqambela lona waze wazibiza ngalo kumakhasi ezonxibelelwano ngenxa yokuba lalimhlekisa kwaye wayesenzela ukuba abosapho lwakhe bangaziboni izinto azibhalayo kwikhasi lonxibelelwano uFacebook. 

Nangona engazi nto ngenkcubeko nezithethe zamaNdebele wagqiba kwelokuba azibize ngenkosi yabo.

“Le ngoma yenza amaza kwaye ndicinga ukuba lo nto iyandonwabisa,” utshilo uNdebi omncinci.

Ecacisela intatheli yephephandaba Iliso Labantu uNtshakaza uthe babeyazi ukuba le ngoma imnandi kakhulu kodwa ababengakulindelanga kukuthandwa kwanokugqama kwayo kakhulu le ngoma. 

Uyamnkele into yokuba le ngoma imenze waziwa kakhulu kunakuqala uNdebi. Kwindlela yakhe yomculo ukhuthazeke kakhulu ukuqhubekeka aqubul’usiba nephetshana abhale kwaye lo nto imenza azive njengomculi lo wayenguye esemncinci. 

Ingoma yakhe yokuqala ngqa wayishicilela ngonyaka wama2013 kwakunye negqiza loontangandini bakhe, ngoma leyo eyayiluncuthu kwayona ngexesha layo.

UThabiso Mhlambiso ongumhlobo osenyongweni wakudala kunye neNkosi Yama Ndebele, uvakalise ukungothuki ngempumelelo yengoma yomhlobo wakhe esithi, “Ayindothusi into yokubona ingoma yeNkosi Yama Ndebele ifumana udumo ngokuba oko waba ngumrepha kwanombhali obalaseleyo. Ndiyazingca ngokumbona ephumelela.” 

ULittle Ndebi ukhankanye into yokuba le ngoma imthathe iintsuku ezimbini kwaye unobangela walonto kukuba wayefuna ukuba ibe ngumlilo le ngoma. 

“Inkxaso endiyifumanayo esuka kusapho lwam, abahlobo bam kwakunye nabalandeli bam oko yabankulu kwaye yantle kwaye ndiya kusoloko ndinombulelo kubo,” utshilo uZakhe.

Share this:

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *