root - June 25, 2024

Ekubeni ngomnye wabantu elokishini ukuyotsho kumnini womzi wefashoni: indlela eya empumelelwenu ka Mkhanyiseli Landu

AMBESIWE MBANA

Obenyanzelekile ukuba asebenzise ubuchule ngethuba ekhula kwilokishi yaseSamora Machel, uMkhanyiseli Landu oneminyaka engama-24 ubudala wawuphemba umoya wakhe woshishino ukuze asungule olwakhe uhlobo lwempahla, iS2PHA. 

Emva kokuba ephumelele imatriki kwisikolo samabanga aphakamileyo iSophumelela ngo-2018 apho waye wabonakalisa izakhono zakhe zobunkokeli ngokusebenza njenge-prefect, wafumana italente yokucwangcisa imisitho, ukuthanda ifashoni, ukubonisa ubuchule bakhe kunye nokungcamla kwesitayile ngalo lonke ithuba. 

“Ndandinombono wohlobo lwempahla, kodwa ndandingaqinisekanga ngamanyathelo emandiwathathe kwanokuba yintoni efunekayo ukuze luphile,” utshilo uLandu. 

Kodwa imiceli mngeni yokukhulela elokishini yaphembelela ukuzimisela kukaLandu ukuphumelela kwishishini lefashoni alithandayo. 

Eyazi imiqobo kunye nezinga eliphezulu lokungaphumeleli, waqhutywa ukuba aphumeze iphupha lakhe. 

Nangona ukuqala esakhe isinxibo kwakuluhambo olunzima, ubulela abahlobo bakhe abamxhasayo ngokumnceda ukuba oyise imiqobo kwaye ahlale ezinikele kumbono wakhe.

I-brand yafumana umfutho obalulekileyo kunye nokuthandwa ngokuthengisa kumakhasi onxebelelwano, okukhokelela ekuthengisweni kweempahla. 

Ekuqaleni, ezi zikipa zazixabisa i-R100, kwaye njengokuba udumo lwenkampani lukhula, kwaba njalo nabathengi balo. 

“Ndifumene igama elithi S2PHA kwaye ndatsaleleka kupelo lwalo olulodwa. Ndazicingela, ‘Eli ligama elikrelekrele neliyilayo eliya kugqama, yaye bambalwa abantu abaya kukwazi ukulifunda nokulibiza ngokuchanekileyo,” utshilo. 

Utheigama elithi S2PHA linobukhazikhazi basekuhlaleni, nto leyo akholelwa ukuba iya kuhambelana noluntu, into esekelwe kwinkcubeko yabantu abanokuyixabisa kwaye bayixhase. 

Uthe i-S2PHA ligama lesiZulu elithetha ezintandathu, liqaqambisa ukunxulumana kolu phawu nemveli yalo. 

Umhlobo wakhe omdala uBonani Ngamlane, uthe ebesoloko engumntu okhutheleyo nonovelwano, ozinikele ekuphumezeni iinjongo zakhe nasekuncedeni abanye. 

“Ndiye ndonwaba xa ndimbona ekhula kwaye ekhula, kwaye ndiyazingca ngezinto aziphumezileyo. Ndimnqwenelela impumelelo nenkqubela phambili kuyo yonke imigudu yakhe,” utshilo uNgamlane.

Share this:

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *