Abefundisi babamba inkonzo yomthandazo wonyulo olunoxolo

INTATHELI YETHU Ngethemba lokuqinisekisa ulonyulo olunoxolo nanjengoko imibutho yezopolitiko ikhuphisana kulo lonyulo olunokuba yimbali ngoLwesithathu, abefundisi abangamashumi amabini abaphuma kwiimvaba ngeemvaba ngeemvaba bebebambe umthandazo kwiholo yesikolo iSophakama Primary School ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesihlanu kuCanzibe. Le nkonzo ibizinyaswe ngabavoti, abaphathi beeteksi abaphuma kwiDunoon Taxi Association (DTA), inkumanda yesikhululo samapolisa aseMilnerton, nabameli bombutho wezoluntu woMzantsi Afrika, […]
I-ANC ibongoza abantu ukuba baphume ngobuninzi eDunoon

Isebe lika-Oliver Tambo ligxininise ukuba abanakubekwa tyala kwiingxaki zabahlali, njengoko bengekho kulawulo INTATHELI YETHU I-ANC ikhankasele eDunoon phambi konyulo, isebe le-Oliver Tambo lithethale nabavoti kwiholo yokwexeshana kumatyotyombe aseDoornbach ngomhla wama-22 kuCanzibe. Lo msitho ubuzinyaswe ngabantu abamalunga ne-100 abanxibe izikipa ze-ANC ezibhalwe umbhalo othi: xa sibambisene singenza okungakumbi. Bekhokelwa ngusihlalo wesebe u-Andile Peter, inxalenye yomyalezo we-ANC kubavoti ibikukuba […]
Ulutsha lwaseDunoon alukholelwa ukuba ivoti yalo iza kuzisa utshintsho

Intswela-ngqesho kunye neemeko zokuphila eziphantsi zibangela ukungakhathali ekuvoteni INTATHELI YETHU Kwabanye abahlali abasebatsha abahlala kumatyotyombe amdaka, athanda ukutshiswa ngumlilo, akukho mdla ungako wokuthatha inxaxheba kunyulo oluyimbali lwangoLwesithathu. Ulutsha lukhankanya ukunqongophala kwamathuba emisebenzi, iinkqubo zolutsha, kunye neemeko ezingentle zokuhlala njengezizathu zokuphoxeka kwalo kwinkqubo yokuvota. Akukho nentengiso kumajelo eendaba ezentlalo ethunyelwe ngabaphembeleli abahlawulwa ngamaqela ezopolitiko ibahenda ukuba […]
Amaxhoba omlilo wetyotyombe laseDoornbach akakwazi ukuvota

Isebe lezekhaya lisilele ukuthumela icandelo elihambahambayo, linqanda abo baphulukene namaxwebhu ukuba bafumane izazisi zethutyana. INTATHELI YETHU Amakhulu-khulu abahlali baseDunoon abazukwazi ukuvota kunyulo oluyimbali yaseMzantsi Afrika ngoLwesithathu, njengoko amakhadi abo esazisi atshatyalalisiwe kumlilo wamatyotyombe eDoornbach ngomhla wesi-6 kuMeyi. Lo mlilo utshabalalise amatyotyombe alikhulu elinamashumi amahlanu, ushiye abahlali abakumakhulu amathathu anamashumi amathandathu bengenandawo yokuhlala, namaxwebhu abalulekileyo afana […]
Amakhulu ashiyeke ngaphandle kwingqele kwaye emanzi emva kokutsha kwamatyotyombe eDunoon

NgoLwesibini umhla we-7 kuCanzibe, iinkokeli zabahlali bezisaqhubeka nokuququzelela amaxhoba omlilo kumatyotyombe aseDoornbach eKapa. INTATHELI YETHU Ashiyeke ethandabuza amakhulu abantu abaphulukene namakhaya abo kumlilo ogqugqise kumatyotyombe aseDoornbach eDunoon ngoMvulo we-6 kaMeyi ka-2024. Nangona kungakhange kubikwe mntu wonzakeleyo, lo mlilo utshabalalise amatyotyombe angaphaya kwamakhulu amabini. Uninzi lwezi ntsapho lwachitha ubusuku ngaphandle ukuze lukhusele nantoni na olukwaziyo ukuyisindisa […]
Indawo yoQoqosho eKhethekileyo yase-Atlantis ikhusele i-R16 yeebhiliyoni zotyalo-mali, idale imisebenzi engama-2500

Uthethathethwano nabachaphazelekayo luqaqambisa inkqubela kuqoqosho lokusingqongileyo kunye namathuba entsebenziswano INTHATHELI YETHU Kwinyathelo elibalulekileyo lokukhuthaza uqoqosho lohlaza lwaseMzantsi Afrika, iNkampani yoMmandla woQoqosho oKhethekileyo wase-Atlantis (ASEZCo) kutshanje iveze umbhobho wotyalo-mali oluxabisa i-R16 leebhiliyoni, omiselwe ukudala imisebenzi ethe ngqo engama-2500 kunye notyalo-mali olongezelelweyo lwe-R3.4 yeebhiliyoni ukuze kufumaneke imisebenzi engama-800 eyongezelelweyo. Ityhilwe ngexesha leseshoni yothethathethwano nabachaphazelekayo eyayibanjwe ngoMhla woMhlaba, […]
Umqhubi weBolt ugwetywe ngokuhlaba abantu ababini abangabasetyhini

Izityholo zonyuka zisuka kwinjongo yokwenzakalisa umzimba, ukuya kutsho ekuzameni ukubulala INTATHELI YETHU Umqhubi weBolt oneminyaka engama-39 ubudala otyholwa ngokuhlaba abakhweli ababini ababhinqileyo ngoMgqibelo umhla we-4 kuCanzibe ukuvela kwakhe okokuqala kwinkundla yamatyala kwiNkundla kaMantyi yaseKapa ngoLwesihlanu we-10 kuCanzibe. UBenedict Chitungu utyholwa ngokuhlaba uSilu Daniso (21) kunye noNolusindiso Dlangamandla (20) emva kwengxabano emva kokuba becele ukukhweliswa eMonte […]
Ubunkokheli obutsha beSANCO buthembisa isiqalo esitsha eWitsand, eAtlantis

UMoses Matiso ufunga ngokubeka phambili uphuhliso lweziseko ezingundoqo Amagosa eSANCO agxininisa isimo esingesopolitiki, agxininisa intlalo-ntle yoluntu INTATHELI YETHU Inkokheli entsha ithathe iintambo eWitsand, eAtlantis, emva kokuba umbutho wezoluntu welizwe loMzantsi Afrika (SANCO) ubambe unyulo olungqongqo ngethuba lendibano yonyaka ngoLwesine. Kwiholo loluntu eyayizele imi ngeembambo, amalungu angama-295 abhalisiweyo eSANCO asuka eWitsand athabathe inxaxheba ekunyuleni iinkokeli ezintsha, […]
Ulonyulo luka-2024: Yintoni ethethwa ngamaqela amakhulu ezopolitiko ngendlala

Sithumele imibuzo kwiANC, DA, EFF, IFP, FF Plus, ActionSA, PA, MK Party kunye neRISE Mzansi. Imibuzo eya kumaqela amakhulu ezopolitiko ijongene nokhuseleko lokutya. Siye sacela iANC, DA, EFF, IFP, FF Plus, ActionSA, PA, MK Party, neRISE Mzansi nge13 March sathumela imibuzo yokulandelela kwabo bangaphendulanga. Abanye abakaphenduli. Iimpendulo zihlelwa ngokulula kakhulu kwigrama kunye neetypos. Malunga ne-12% […]
Abadlali bebhola ekhatywayo abagqwesileyo baya eSweden bazakufumana ithuba lokutshintsha ubomi

Abadlali abathathu bebhola ekhatywayo baseDunoon abanesiphiwo nabazinikeleyo abakhethwe ukujoyina iqela elikhethiweyo labatsha abangama-20 baseNtshona Koloni ababekelwe ukubonisa izakhono zabo phesheya kolwandle. Umqeqeshi waseDunoon ukhuthaza italente phakathi kwemingeni yaselokishini. INTANTHELI YETHU Abadlali abathathu abasebancinci bebhola ekhatywayo abanetalente baseDunoon abalolonga izakhono zabo kwipaki yabantwana engakhathalelwanga phakathi kwenkunkuma elahlwayo, bachongwe njengenxalenye yeqela labadlali abancinci abangama-20 abasuka kumaQela eBhola […]