Indoda itshiswe yabhubha eSiyahlala, amakhulu ngamakhulu bengenamakhaya eNkanini

Akukho bantu babhubhileyo njengoko kuqhekezwe amakhaya angapha kwekhulu eNkanini kodwa umntu usweleke ngethuba kutsha ityotyombe lakhe eSiyahlala. Emva kweveki umlilo utshabalalise amatyotyombe ali-106 eDunoon eNkanini, washiya abantu abangama-233 bengenandawo yokuhlala ngobusuku bangaphambi koNyaka oMtsha, elinye idangatye lamatyotyombe laseSiyahlala libangele ukubhubha kwendoda ngoMgqibelo umhla we-7 kaJanuwari. Nangona amakhulu-khulu abantu ashiyeke edl’ amazimba ngenxa yomlilo eNkanini oqale kanye […]
Enye i-Postbank “glitch” ilibazisa ukuhlawulwa kwegranti yezentlalo kaJanuwari

Size ePosini bathi akukho mali” NgoLwesihlanu, i-Postbank ivume ukuba kukho ingxaki ethintele abantu abaninzi abafumana inkxaso-mali ukuba bafikelele kwiintlawulo zabo zikaJanuwari ka-2023. Ibhanki yasePost ithi lo mba usonjululwe. Kodwa iGroundUp ityelele isebe leentlawulo zaseKapa ngoLwesibini kwaye yafumanisa ukuba abaxhamli abaninzi abakahlawulwa. Esi sisihlandlo sesibini kwisithuba esingangenyanga “ingxaki yenkqubo” enkulu kwiBhanki yasePost ishiya abaxhamli besibonelelo beneepokotho ezingenanto. […]
Ukhwele ebhayisekileni wazidalela ithuba lentsebenzo

Emva kokufumana amanqaku aphantsi kunyaka wakhe wokuqala kwizifundo zobuntatheli kwiYunivesithi iRhodes, iinzame zikaYandisa Mbhadeko oneminyaka engama-22 ubudala zokuphinda afake isicelo soncedo lwemali kwiNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS) ngo-2020 zakhatywa. Ngenxa yokungafumani mathuba emisebenzi kwidolophu azalelwa kuyo eMthatha eMpuma Koloni, uMbhadeko ufike eKapa ezokufuna umsebenzi, enethemba lokonga imali eyaneleyo yokuxhasa amabhongo akhe obuntatheli. Emva kokufika […]
Inkosikazi ifunyanwe ivaleleke phakathi kwezakhiwo ezinzulwini zobusuk

Iinkonzo zohlangulo zesiXeko zidilize udonga ukuze bamtsalele kwindawo ekhuselekileyo Ukuba ufike njani apho ayaziwa Ividiyo yebhinqa eliselula elivaleleke kumsantsa ophakathi kwezindlu ezimbini eziphuculweyo zeRDP kwisitalato saseDunoon iBulelani kwabelwane ngazo amatyeli amaninzi kumajelo eendaba ezentlalo. Ifakwe phakathi kweendonga, le vidiyo ibonisa ukuba lo mfazi ebeveze nje izandla izimbo zomzimba kuphela eshukumisa intloko njengoko ecela uncedo. Abahlali […]
Isibini sibanjwe kuqhushululu lobhedu
Ngaphezulu kwetoni yezakhiwo ezahlukeneyo ezifana neemitha zamanzi kunye neentambo zobhedu ziye zabanjwa kwindawo yokugcina eDunoon ngoMvulo we-5 kaDisemba, okukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ababini. Olu bhedu lwachongwa ngokuqinisekileyo njengeleenkampani zikarhulumente. Isithethi samapolisa eNtshona Koloni uLieutenant Colonel Malcolm Pojie uthi iinzame ezibambeneyo zokuphelisa ukonakaliswa kweziseko ezingundoqo kunye nokubiwa kweentsimbi ezingeyontsimbi ezifana nobhedu zibe neziphumo ezincomekayo xa amagosa eQela […]
‘Ukubona izinyanya’ kubawisile abafundi

Kwisihlandlo sesibini kule kota, abafundi besikolo samabanga aphakamileyo sasekuhlaleni baye bawa ngenxa yesityholo sokubonwa zizinyanya. Ukufunda kuphazamiseken gequbuliso kwisikolo samabanga aphakamileyo iTable View nge-1 Novemba xa abafundi abaninzi nootitshala bewa, kutyholwa ukuba kungenxa yokubna okanye ukubonwa zizinyanya. Esisiganeko senzeke kwiSikolo samaBanga aPhakamileyo iSunridge Circle, nesihlala ikakhulu abafundi baseDunoon, singqinwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). “Njengokuba […]
Umbono omanyumnyezi: Inkwenkwe yaseDunoon ifumene umzimba ugcwele ebhegini
Amapolisa aseMilnerton acela uncedo lokufumana usapho lomfi Ngelixa wayehamba ecaleni kwedama emva kweholo kamasipala kufutshane neSitalato iWaxberry eDunoon ngoMgqibelo, inkwenkwe yagqogqa ingxowa yeplastiki ilele phantsi. Ukuva into enzima ngaphakathi, wavula ibhegi ukuze ajonge kwaye wafumanisa into eyoyikisayo: efakwe ngaphakathi ebhegini yayingumzimba wenkwenkwe ekwishumi elivisayo. Isithethi seSAPS saseMilnerton uKapteni Nopaya Madyibi uthe oku kubhaqwe malunga nentsimbi […]
Ukukhubazeka akungo mqobo kwiqela lokucoca isikolo saseDunoon

Iqela labahlali baseDunoon abakhange bavume ukuba inkuthazo zabo zibavalele, bathathe uxanduva lokucoca kwisikolo iSophakama Primary kule lokishi. Iqela labahlali abalishumi abakhubazekileyo batyikitye isivumelwano seenyanga ezintandathu, esiqala ngomhla we-17 kweyeDwarha, sokubonelela ngeenkonzo zokucoca eziya kuthi zibonelele ngengeniso yokongeza kwizibonelelo zokukhubazeka abazifumanayo. uShasha, omilenze yakhe inqunyulwe entla kwedolo, utshayela ibala lesikolo ngelixa ehamba ngesitulo esinamavili, efika emsebenzini […]
Imvumi ivuna unyamezelo kwi Rap

Izihlobo nezalamane zamthibaza u-Avela Mzimba ekuphumezeni kwakhe iphupha lokuba yingculi ye hip hop star kodwa uqhubekile ecofa amaqhosha ngethemba lokuba yindumasi. Kungokunje ushicelele icwecwe elingoma zilishumi lizakupapashwa kutshanje. “Bandidobelela phantsi besithi ndiyinkwenkwe engenambono ngobomi kodwa zange ndibanike indlebe kuba babezel amazwi okundityhafisa, “ utsho umfana osabela kwigama elisisiteketiso uRealityi kungoku nje. Lamfana ulibone ilanga kwiminyaka […]
Ibala legalufa luphantsi koxinezelelo lushokoxeko lwezindlu

Isibhengezo sesixeko esipapashiweyo sivumela ukusetyennziswa kwebala legalufa iKing David Mowbray Golf Club iminyaka elishumi ezayo ngentlawulo eyi R11,500 ngonyaka sichukumise intshukumo yabahlali sinqunanyisiwe . Oku bekuya kuthetha ukuthi izindlu ebezinokwakhiwo kwelobala zifa namthanyana. Isibhengezo sipapahswe yi City of Cape Town ngomhla wama 24 ku July kwintsuku nje pahmbi kokuba isivumelwano sabo ne Rondebosch Golf Club […]