Ibheyile inikwe abatyholwa abali-16 kwityala lobuqhophololo kwezothutho lwabafundi Abatyholwa babekwe amatyala angamashumi amabini anesine obuqhetseba ngokurhwaphiliza iR2,2m Uphando lwaqalwa ngo-2007  INTATHELI YETHU Ibheyile ye-R3,000 inikwe abantu abalishumi elinesithandathu, kuquka namagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni, abatyholwa ngokuba iR2,2m kwisibonelelo sephondo sothutho lwabafundi. Bayinxalenye yeqela labantu abali-17 abavele kwiNkundla kaMantyi yase-Atlantis ngoLwesihlanu umhla we-10 kweyoKwindla kulandela ukubanjwa kwabo ngoLwesine we-9 […]

Abaphuhlisi belokishi abanayo i-carte blanche, utsho uSodolophu, kodwa isiXeko silungiselele ukunceda USodolophu uyawakhanyela amabango eendaba zamva nje Ukuphuculwa kwezindlu kuhlala kulawulwa nguMthetho kaMasipala woCwangciso lukaMasipala kunye neenkqubo zokuvunywa kophuhliso olunxulumeneyo. Urhulumente akasakwazi ukubonelela ngamakhaya afumana inkxaso-mali ngokupheleleyo INTATHELI YETHU IsiXeko saseKapa siyayiphikisa ingxelo yeCape Argus nebanga ukuba usodolophu uGeordin Hill-Lewis wanika abaninimzi baseDunoon imvume yokuba […]

Abasebenzi beMisebenzi kaRhulumente balala ngaphandle kweposi iveki yonke belindele ukuhlawulwa

Abanye bachitha iR120 kumvuzo wabo weR810 kwizithuthi eziya eKomani Mkhuseli Sizani *Abasebenzi benkqubo eyandisiweyo yemisebenzi yoluntu baseChris Hani eMpuma Koloni bebelele ngaphandle kweposi kuKomani belindele ukuhlawulwa. *Abanye bathi baneveki belapho. *Bahlawulwa ngebhanki yasePosini kodwa amakhadi abo akasasebenzi, ngoko ke kufuneka bafumane umvuzo wabo eposini. *Abanye bachitha i-R120 kumvuzo wabo we-R810 ngenyanga ukuya nokubuya eKomani ukuya […]

I-R350 sisithuko. Ingaphantsi nakwisidlo sasemini sonyana womfundisi ngosuku

Amaqela amatshantliziyo afuna iSibonelelo soMvuzo esiSisiseko se-R1,500 kuqhankqalazo lwaseKariega Thamsanqa Mbovane Bamalunga nekhulu lemibutho yoluntu ebambe umngcelele ukusuka KwaLanga ukuya kwiholo yedolophu yaseKariega, bephethe iimbiza ezingenanto, bebetha amakhwelo becula neengoma zoqhankqalazo ngethuba uMphathiswa wezemali uEnoch Godongwana ebesenza intetho yakhe yohlahlo lwabiwo-mali lukazwelonke luka-2023 ngenjikalanga yangoLwesithathu. Abaqhankqalazi bebefuna ukuba isibonelelo soNcedo lweNtlalo kwiNtlupheko esingama-R350 senziwe iSibonelelo […]

Uhlahlo lwabiwo-mali: izibonelelo zoluntu ziyenyuka, kodwa hayi kakhulu njengokunyuka kwamaxabiso

Uhlahlo lwabiwo-mali lwesibonelelo se-Covid lwehliswe nge-R8-bhiliyoni.  Marecia Damons Umphathiswa wezemali uEnoch Godongwana ubhengeze ukonyuswa kwemali yesibonelelo sikarhulumente ephantsi kunokwenyuka kwamaxabiso. Uncedo lweSocial Relief of Distress (SRD) lwandiselwa kude kube yi-31 Matshi 2024. Uhlahlo lwabiwo-mali lwehle nge-R8-bhiliyoni kuhlahlo lwabiwo-mali lwangaphambili lwe-R44-bhiliyoni. UGodongwana ukwabele iPosi yoMzantsi Afrika iR2.4-billion ukukhulisa uzinzo. Umphathiswa wezemali uEnoch Godongwana ubhengeze ukonyuswa kwemali […]

Abahlali baseAtlantis bafuna iinkonzo zekliniki yezempilo zandiswe

ISibhedlele sase-Wesfleur esinika iinkonzo i-Atlantis sithwele nzima njengoko iiklinikhi ezimbini zalo mmandla zilawulwa sisiXeko zibonelela kuphela ngokhathalelo lwempilo olunqongopheleyo.

Abasemagunyeni bathi ziyaqhubeka izicwangciso zokunciphisa imigca emide kunye nokuxinana INTATHELI YETHU Ukunqongophala kweendawo zempilo ezaneleyo e-Atlantis kukhokelele ukuba abahlali bakhankasele ukuba iikliniki ezimbini eziphantsi kweSixeko kulo mmandla zinikezelwe kwiSebe lezeMpilo neMpilo-ntle ephondweni. Iikliniki ezimbini ezilawulwa sisiXeko eAtlantis – iSaxon Sea kunye neekliniki zaseProtea Park – zibonelela ngeenkonzo ezinyiniweyo kubahlali, kugxilwe kucwangciso-ntsapho, impilo yabantwana, ukhathalelo lwaphambi […]

UPhumzile Sithebe andVuyokazi Mehlwana.JPG: UPhumzile Sithebe noVuyokazi Mehlwana
  bathi bazakube bekunye kwiminyaka yabo yamashumi asibhozo Umfanekiso: Peter Luhanga

Phumzile Sithebe and Vuyokazi Mehlwana.jpeg: Kwigumbi labo lokuphumla banexesha elisemgangathweni: Umfanekiso: Inikezelwe. Usuku lukaValentine: Ukuvuleleka kunye nokunyaniseka kugcina uthando luphila INTATHELI YETHU Ukutshona kwelanga elunxwemeni yindlela uPhumzile Sithebe noVuyokazi Mehlwana abaceba ukubhiyozela ngayo uSuku lweValentine. Esi sibini, esikwiminyaka engamashumi amane, sithi sisazakuba kunye kwiminyaka yamashumi asibhozo. Kodwa ukufumana uthando bekungekho lula. USithebe wayenabantwana ababini xa wayesuka eRhawutini […]

Abahlali babhiyozela ukuvulwa kwesikhululo samapolisa esihambahambayo

Xa amatshantliziyo asekuhlaleni ayexelelwa ngezi zicwangciso, awazange akholelwe njengoko kudala ecela isikhululo samapolisa esihambahambayo. Ngokuqinisekileyo iya kuba nefuthe kwizinga lolwaphulo-mthetho, litsho itshantliziyo loluntu INTATHELI YETHU Kangangeminyaka, abahlali baseDunoon abasemngciphekweni bebehamba umgama ongangeekhilomitha ezili-10 okanye bembe nzulu befuna imali yeteksi ukuba bafuna ukuya kwisikhululo samapolisa saseMilnerton ukuya kuxela ulwaphulo-mthetho okanye bafumane amaxwebhu aqinisekisiweyo. Lonto sele iyinto […]

Abafundi basekuhlaleni boyise intlupheko emandla kunye ne-Covid-19 ukuba bagqwese

Amanqaku asixhenxe kumfundi wase-Joe Slovo Park nangona kukho ukuphazamiseka kwesikolo kunye nemingeni yokuhlala kwindawo yamatyotyombe. INTATHELI YETHU Ukuze akwazi ukugxila kwizifundo zakhe zebanga leshumi, uLisakanya Mlindi kunyanzeleke ukuba avuke ngentseni ngethuba ematyotyombeni ahlala kuwo kuthe cwaka okwethutyana. Ngaphandle kobu bunzima, kunye nokuba nokwabelana ngetyotyombe namalungu amane osapho e-Esqalo kumatyotyombe eMilnerton, uLisakanya Mlindi, obezimase iSinenjongo High […]