Balwe nomlilo bemekumaphahla eDunoon 

Umlilo utshabalalise amakhaya angama-50, eshiya intsapho zigodola.  Peter Luhanga Abahlali bamatyotyombe ase-Ethembeni eDunoon eKapa, ​​bagqithise iiemele zamanzi kuphahla lwamatyotyombe abo ngelizama ukucima umlilo ngoLwesithathu. Amatyotyombe angamashumi amahlanu atshiswe aphela. Abantu abamalunga nama-200, kuquka nabantwana, basala bengenamakhaya kwingqele eqhaqhazelis’ amazinyo.  Lo mlilo uqale phambi kwentsimbi yesihlanu malanga. Kwathatha abacimi-mlilo abangama-50 abaneenjini zokucima umlilo ze-14 ukucima umlilo nge-9pm.  Akukho […]

Liezl Human

IBlack Sash icela umphathiswa wophuhliso loluntu ukuba abeke iliso kwiSASSA Umbutho woluntu udwelisa imiba emininzi malunga neentlawulo zesibonelelo sikarhulumente uthi kufuneka zisonjululwe ngokukhawuleza.  Liezl Human Inkampani iBlack Sash inikezele ngoxwebhu lwezikhalazo kwiSebe loPhuhliso loLuntu (iDSD) icela uMphathiswa uLindiwe Zulu ukuba azise isibonelelo esisisigxina somvuzo osisiseko jikelele kwaye aseke igqiza eliza kujongana ne-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi […]

Amaxhoba ezikhukula emaphandleni aseMpuma Koloni ashiyeke ezama ukuziphilisa 

Nombulelo Damba-Hendrik  Amakhaya eentsapho ezingama-25 atshatyalalisiwe ngoDisemba ka-2022.  Abakafumani ncedo ukuza kuthi ga ngoku Iintsapho ezingama-25 zaphulukana namakhaya azo kwizikhukula kwindawo yaseGcuwa, eMpuma Koloni, ngoDisemba ka-2022.  Abo bangenayo enye indawo yokuhlala bathenjiswa ii-bungalows, kodwa ukuza kuthi ga ngoku abakafumani ncedo lukarhulumente. Umasipala wale ndawo uthi usezandleni zesebe lokuhlaliswa koluntu ephondweni kunye nomasipala wesithili saseAmathole.  Imizi […]

Iijaji zikhalimela iNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela I-CEO kunye nosihlalo webhodi baxelelwe ukuba bafake ii-afidavithi ezichaza ukuba kutheni kufuneka bangathwali tyala 

UTania Broughton UMbutho wamaLawli woMzantsi Afrika kunye neBhunga leSizwe laBantu abaKhubazekileyo bacele  umngeni kwiintlawulo ezintsha zonyango ezabhengezwa nguMphathiswa wezoThutho kulo nyaka uphelileyo.  Kodwa iNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela iye yala ukunika amaxwebhu abalulekileyo achaza ukuba imisele njani imirhumo emitsha.  INkundla ePhakamileyo yasePitoli  ngoku ixelele ingxowa-mali ukuba ibonelele ngamaxwebhu kwaye yagxeka ukuziphatha kwayo okudelelayo. INgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (RAF) […]

ULoyiso Nkohla wadutyulwa wabhubha kwintlanganiso yezopolitiko

Owayesakuba nguceba we-ANC ubulewe ngethuba kubanjwe intlanganiso malunga nekamva leentsapho ezihlala ngakumgaqo kaloliwe eKapa.  Tariro Washinyira  Owayesakuba nguceba weANC nokwalitshantliziyo uLoyiso Nkohla udutyulwe wabhubha ePhilippi eKapa apho ebezimase indibano yokushukuxa wabantu ekufuneka bafuduke kunlmngcele kaloliwe weCentral Line. Abanye abantu abathathu, abasetyhini ababini kunye nendoda, bonzakele, ngokwengxelo yeNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS). “Injongo yolu hlaselo ayikaziwa. […]

Baqumbe qu abaseDunoon  ngamapolisa

Ngu :Anita Khaile  Abahlali base Dunoon  bavakalise ingqumbo yabo ngokunxamnye kokususwa kwesikhululo sethutyana samapolisa ebesizinze engingqini yabo.  Esisikhululo sethutyana besibekwe kwirenki yeteksi emva kokudunculwa eDunoon Community Healthy Centre, ekwikhilomitha ezintlanu ukusuka apho.  Isithethi samapolisa uKapteyin Frederick Van Wyk  uxelele i-Iliso Labantu ukuba bafumana inkxaso kubahlali baseDunoon ngelinyathelo. UVan Wyk uthi isikhululo sabo sinikela uncedo oludingekayo […]

Bavale indlela abaqhankqankqalazi eDunoon

INTATHELI YETHU Ngethuba uMzansi Afrika ububhiyozela Usuku Lwamalungelo Oluntu abahlali base Dunoon bavale mba iindlela kuhola iiPotsdam Road ne Malibongwe Drive ngokufafaza inkunkuma namatayara avuthayo. Bebekhalazela isigqibo seSixeko SaseKapa sokuchitha amatyotyombe atyalwe kwimihlaba yabucala. Ngethuba sibhala elinqaku kudilizwe imikhuku esithoba ukusukela ngoMgqibelo umhla we 18 kuMatshi. Bekugxalathelene iinqwelo ezingama 20 zamapolisa kunye nabagcinimthetho kwindawo yexhwayelo. Kuqhambuke udushe ngethuba iinkokheli ebezikhokele abantu abangama […]

Ucimicimi wombane uchaphazela iintsane zaseDunoon

INTANTHELI YETHU   Ucimicimi wombane oqengqelekayo uchaphazela amaziko oqeqwesho lweentsana ezingaphaya kwama- 120 e Dunoon. Kwingxokozelo yobutyadidi bamatyotyombe ase Dunoon ,Ubunye Educare Centre  yindawo enikezela uqeqesho kwintsana umhla nezolo. Bafundisa iintsana ngokwehlobo lwe  Curriculum Assessment Policy Statement (CAPS), baqononondisa kwiintsana ezingaphantsi kweminyaka esixhense.  Kodwa omnye wabaxhasi beliziko obekade enceda apha kwiminyaka eli-16 egqithileyo urhoxise uncedo lwakhe obeluyi R40 000 […]

Uchongwe njengonobuhle wase Dunoon oze ngobuso

Ngu Anita Khaile  Umfundi wamabanga aphezulu eDunoon uchongwe njengonobuhle kukhuphiswano obelubanjwe kutshanje eSophakama Primary School. UZibanzi Dyantyi ominyaka eli-16 nofunda eSinenjogo High School eJoe Slovo Park uchongwe njengo  Miss Dunoon logama u Davidson Johnson  ona – 23 echongwe njengo  Mr Dunoon. Olukhuphiswano belunesihloko esithi ” thatha isidima sakho uqaqambise ikamva”  luququzelelwe yintlanganisela  yemibutho yokuhlala efana ne Idwalalethu Foundation, Gwadiso Foundation, […]

Iiklabhu zebhola ekhatywayo nezebhola yomnyazi zothuswe zizixhobo ezitsha Iqela lebhola ekhatywayo eliphume izandla eDoornbach, indawo ye-5 yamatyotyombe ifumana uncedo kwisebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko. Ibhola yomnyazi yaseDunoon ikwaxhamla kwinkxaso-mali yesebe ebulela uceba wewadi yengingqi INTATHELI YETHU Ukunqongophala kwezixhobo zokusebenza akukhange kuthintele iklabhu yebhola ekhatywayo yamatyotyombe ekubeni ithathe inxaxheba kwiitumente, nangona ingenabala lifanelekileyo loqeqesho. IQela leBhola ekhatywayo […]