Isiqingatha sekhaphetshu sisidlo sabantu abasixhenxe nanjengoko indlala igqugqisile eMpuma Koloni

Sonia A. Rao UGift of the Givers uthi ugcwele iminxeba yokucela uncedo Indlala eMpuma Koloni iya igquba njengoko imibutho efana neGift of the Givers igcwele iminxeba yokucela uncedo. Umququzeleli wengingqi uCorene Conradie uthi ezinye iintsapho ziphila ngomngqusho kangangeenyanga. I-Gift of the Givers ngoku isebenza ukunceda amakhaya ukuba amisele izitiya zokutya. Umbutho iGift of the Givers […]
Abantwana babhiyozela ukufunda kwithala leencwadi laseDunoon

Oononcwadi bakhuthaza abantwana baseDunoon ngoSuku lweHlabathi lokuFunda nokuBhala Peter Luhanga Izifundo ezixabisekileyo ngokubaluleka kolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala zanikwa abantwana abangama-72 abaphuma kuMaziko oPhuhliso lwaBantwana aBasaqalayo (ECD) nakwiSikolo iDunoon Prayimari ngembeko yoSuku lweHlabathi loLwazi lokuFunda nokuBhala kwilayibrari yaseDunoon ngoLwesihlanu we-8 Septemba. USuku lweHlabathi lokuFunda nokuBhala lwabhengezwa nguMbutho weZizwe eziManyeneyo wezeMfundo, ezeNzululwazi neNkcubeko (UNESCO) ngo-1966. Unoncwadi […]
Umlilo ushiye abantu abangama-51 bengenamakhaya eDunoon

Khange kubekho mntu wonzakeleyo okanye abantu ababhubhileyo, kodwa unobangela womlilo awukaziwa. Amaxhoba omlilo kufuneka ngoku aphinde akhe ubomi bawo. Isiganeko somlilo esahlukileyo eWitsand, eAtlantis ngempelaveki sishiye abantu ababini bengenandawo yokuhlala. Peter Luhanga Umlilo ohlasele amatyotyombe Ekuphumeleleni ushiye abantu abangamashumi amahlanu ananye bengenandawo yokuhlala emva kokutshisa amatyotyombe alishumi elinesine ngentsasa yangoMgqibelo. Othethe egameni leeNkonzo zoMlilo noHlangulo […]
Abahlali baseDiep River bonwabile ukugxothwa Abahlali bomhlaba bathi ukuba bagxothwa ngokusemthethweni, bazakufumana ukufikelela kwiinkonzo zikamasipala
Peter Luhanga Abantu abahleli kumhlaba oselunxwemeni lomlambo iDiep River ngaseParklands North bachulumancile isiXeko saseKapa sijonge ukubakhupha njengoko oko kuthetha ukuba baza kufuduselwa kwindawo ehlala abantu kwaye bafikelele kwiinkonzo zikamasipala. Oku kuza emva kokuba abahlali betyeshele isaziso esisemthethweni esibayalela ukuba bawushiye lo mhlaba. Ukuba ngaba bathe basilelela kuqalwa amanyathelo okugxotha phantsi koMthetho woThintelo lokugxothwa ngokungekho mthethweni […]
IDunoon izila ukusweleka komphathi weteksi kunye neqhawe lasekuhlaleni

bahlali bazilele ukubhubha kukasihlalo weDunoon Taxi Association nokwangulungu lebhodi yenkampani esebenza iibhasi zeMyCiTi uSivuyile Tshaka. Peter Luhanga Abahlali baseDunoon bakhala ngokusweleka kukasihlalo weDunoon Taxi Association nomphathi weeteksi, uSivuyile Tshaka, nojongwe njengesazela sokuziphatha kwale lokishi. UTshaka, obekwalilungu lebhodi yeMyCiTi bus Vehicle Operating Company (VOC) Kidrogen, ubhubhe ngoLwesihlanu umhla we-14 kweyeKhala kwisibhedlele saseMaclear eMpuma Koloni emva kokugula […]
Iyaphuphuma inkunkuma kwizitalato zaseDunoon naseWitsand

Peter Luhanga Ivumba lenkunkuma ebolileyo ligqugqisile kwizitalato zaseDunoon naseWitsand e-Atlantis njengoko inkunkuma yasekhaya ingazange iqokelelwe ukusukela ngomhla wama-30 kuJuni. Oki kungenxa yokuba isivumelwano sababoneleli-nkonzo siphelelwe lixesha, kunye neekontraka ezintsha ezisaza kuqeshwa siSixeko. Ukunyuka kwenkunkuma kuyabacaphukisa abahlali kuzo zombini iindawo, kwaye kukhokelela kwingxaki yeempuku ekhulayo. Kodwa eDunoon, iSouth African National Civic Organisation iyanqanda ikontraka entsha yokuqokelela […]
Balwe nomlilo bemekumaphahla eDunoon

Umlilo utshabalalise amakhaya angama-50, eshiya intsapho zigodola. Peter Luhanga Abahlali bamatyotyombe ase-Ethembeni eDunoon eKapa, bagqithise iiemele zamanzi kuphahla lwamatyotyombe abo ngelizama ukucima umlilo ngoLwesithathu. Amatyotyombe angamashumi amahlanu atshiswe aphela. Abantu abamalunga nama-200, kuquka nabantwana, basala bengenamakhaya kwingqele eqhaqhazelis’ amazinyo. Lo mlilo uqale phambi kwentsimbi yesihlanu malanga. Kwathatha abacimi-mlilo abangama-50 abaneenjini zokucima umlilo ze-14 ukucima umlilo nge-9pm. Akukho […]
Liezl Human

IBlack Sash icela umphathiswa wophuhliso loluntu ukuba abeke iliso kwiSASSA Umbutho woluntu udwelisa imiba emininzi malunga neentlawulo zesibonelelo sikarhulumente uthi kufuneka zisonjululwe ngokukhawuleza. Liezl Human Inkampani iBlack Sash inikezele ngoxwebhu lwezikhalazo kwiSebe loPhuhliso loLuntu (iDSD) icela uMphathiswa uLindiwe Zulu ukuba azise isibonelelo esisisigxina somvuzo osisiseko jikelele kwaye aseke igqiza eliza kujongana ne-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi […]
Amaxhoba ezikhukula emaphandleni aseMpuma Koloni ashiyeke ezama ukuziphilisa

Nombulelo Damba-Hendrik Amakhaya eentsapho ezingama-25 atshatyalalisiwe ngoDisemba ka-2022. Abakafumani ncedo ukuza kuthi ga ngoku Iintsapho ezingama-25 zaphulukana namakhaya azo kwizikhukula kwindawo yaseGcuwa, eMpuma Koloni, ngoDisemba ka-2022. Abo bangenayo enye indawo yokuhlala bathenjiswa ii-bungalows, kodwa ukuza kuthi ga ngoku abakafumani ncedo lukarhulumente. Umasipala wale ndawo uthi usezandleni zesebe lokuhlaliswa koluntu ephondweni kunye nomasipala wesithili saseAmathole. Imizi […]
Iijaji zikhalimela iNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela I-CEO kunye nosihlalo webhodi baxelelwe ukuba bafake ii-afidavithi ezichaza ukuba kutheni kufuneka bangathwali tyala

UTania Broughton UMbutho wamaLawli woMzantsi Afrika kunye neBhunga leSizwe laBantu abaKhubazekileyo bacele umngeni kwiintlawulo ezintsha zonyango ezabhengezwa nguMphathiswa wezoThutho kulo nyaka uphelileyo. Kodwa iNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela iye yala ukunika amaxwebhu abalulekileyo achaza ukuba imisele njani imirhumo emitsha. INkundla ePhakamileyo yasePitoli ngoku ixelele ingxowa-mali ukuba ibonelele ngamaxwebhu kwaye yagxeka ukuziphatha kwayo okudelelayo. INgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (RAF) […]