Izikolo zaseDunoon azichithanga xesha kwiiholide, zilungiselela unyaka omtsha

Izikolo zaseprayimari zilungiselela ubhaliso lwasemva kwexesha, abazali bayakhuthazwa ukuba bagqibezele naziphi na izicelo ezifike emva kwexesha ngoko nangoko Izikolo eziziiprayimari eDunoon zibhaliswe ngokupheleleyo kuwo onke amabakala ngaphandle kweBakala R no-1 ngaphambi kokuqala konyaka wesikolo eNtshona Koloni ngoLwesithathu we-17 Januwari.  Nangona iholide ibizinzile, iinqununu zezikolo zaseSophakama, eDunoon, naseSilver Leaf zaseprayimari zithe zinomdla kwaye zikulungele ukuqala unyaka […]

Ibhubhele ezandleni zamapolisa indoda ebijijisana nawo eTable View

UGiven Mabusela ubhengezwe njengoswelekileyo ekufikeni kwakhe kwikliniki yaseDu Noon  Peter Luhanga  UGiven Mabusela, 46, ubhubhe ngomhla wesithandathu kweyeNkanga, ngethuba eselugcinweni lwamapolisa aseTable View.  Xa amapolisa amsa kwikliniki yaseDu Noon wafakwa kwisixhobo sokuphefumla kodwa wabhengezwa ukuba uswelekile ekufikeni kwakhe. Ngokwengxelo epapashiweyo yamapolisa angaphakathi etyikitywe ngumphathi wesikhululo, uColonel Junaid Alcock, uMabusela (ingxelo ilichaza kakubi igama lakhe njengoMbusela) […]

Uzenzele indumasi kuTiktok umfana wasephondweni

UMiss Dubula ubalisa ibali lakhe NGUAMBESIWE MBANA UKanya Soyizwapi (23) nowaziwa ngelika Soyz Kay nothandwa ngabalandeli bakhe ngelithi Miss Dubula ngenxa yoshicilelo lwakhe lweevidiyo ezihlekisayo kuTikTok yinzalelwana yaseMpuma Koloni. Uzalelwe waze wakhulela eMthatha nangona elona khaya lakhe lookhokho likuGatyane eMpoxolo, ekhuliswa ngumzali omnye uNomta Soyizwaphi kwakunye noradrenaline wabo omdala uSive Soyizwapi. Ufunde amabanga akhe aphantsi […]

Oko kwaba kukugwetywa kwendlala

Ngenxa yempalalo gazi AMBESIWE MBANA Yaba ngummangaliso omkhulu into yokuqalwa kokuphekelwa abo basweleyo khon’ukuze bangalal’izisu zikhal’umoya ngenxa yokungqengqa kwekati eziko.  UAndiswa Ncamiso yinzalelwana yaseKomani neye yabonisa ubugorha kulutsha, abantwana kwakunye yonke lo miphini yakwilokishi iJoe Slovo kude kufuphi neMilnerton ngokuthi aqale ukubaphekela ukuzama ukugweba indlala.  “Kwakumana ukufika abantwana ababini abaluhlobo lohlanga lamaNdiya bezokucela ukutya apha […]

Isibonelelo esingama-R350 ngenyanga siya kwandiswa ukuya kutsho kuMatshi ka-2025 

Umphathiswa wezemali uEnoch Godongwana ubhengeza ukwandiswa kwesibonelelo seCovid-19.  NguSonia A. Rao kunye noQaqamba Falithenjwa  Isibonelelo soNcedo lweNtlalo kwiNtlupheko seenyanga ezingama-R350 siza kongezelelwa omnye unyaka, kude kube nguMatshi ka-2025.  UMphathiswa wezeziMali u-Enoch Godongwana uthe kwiNgxelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlo-lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi ePalamente ngoLwesithathu umhla woku-1 kweyeNkanga: “IsiBonelelo soNcedo lwezeNtlalo kwi-Covid-19 siza kongezelelwa omnye unyaka de kube nguMatshi ka-2025 […]

Izicwangciso zokulungiswa kwebala lokudlala laseDunoon limile 

Isibongozo sikaCeba sokulungisa iiDunoons kuphela kwibala lokudlala sivusa iingxoxo zebhungana  Peter Luhanga  Uceba ukhe wathandabuza ukwabiwa kwemali yenkunzi kamasipala kwiwadi yakhe, esithi ekuphela kwepaki yoluntu kule lokishi ifuna ukulungiswa.  Uceba weWadi yaseDunoon uMeisie Makuwa uthi le paki izele yinkunkuma elahlwa ngokungekho mthethweni, ishiya abantwana bengenandawo yokudlala, kwaye le meko ibangele ukuphelelwa lithemba kuluntu.  Oku kuvele […]

Ukususela kwi ‘Sex Tape’ uyotsho ku ‘Life waseMatyotyombeni 

u’Turf’ waseKhayelitsha uguqula imizabalazo yangoku ibe yigolide yomculo  INTATHELI YETHU Imvumi yaseKasi yeHip-hop neRnB ingene kudidi lomculo wekwaito ngecwecwe elitsha elinomxholo othi, Ubomi baseMatyotyombeni neliguqulela ngokuthi ‘ukuphila ematyotyombeni.  Umhlali waseKhayelitsha Site C uMonwabisi Bence, 28, nowaziwa ngegama leqonga elithi Turf, ulungiselela ukukhupha umculo wakhe wamva nje kwinyanga ezayo.  Olu tshintsho luvuyisayo luza emva kwe-EP kaTurf […]

Intshukumo yolutsha lwaseDunoon: icwecwe lesibini libetha ezitratweni 

Abalandeli bathi bakhuthazwa ngumculi kaMaskandi uSinoyolo Nzuzo INTATHELI YETHU Umfundi weBanga le-11 osaziwayo kudidi lomculo kaMaskandi, ubhiyozele ukukhutshwa kwecwecwe lakhe lesibini ebelilindelwe ngamehlo abomvu kule mpelaveki iphelileyo. USinoyolo Nzuzo, noneminyaka elishumi elinesibhozo efunda eInkwenkwezi Senior Secondary, ukhuphe icwecwe lakhe elithi, “Qhaweloxolo, ndigula ndihamba” phakathi kwesiphithiphithi serenki yaseDunoon.  Umdla kaNzuzo emculweni waqalwa ngethuba esafunda amabanga aphantsi […]

Iinkxalabo ngokhuseleko njengoko abahlali basematyotyombeni begrumba kwibhulorho yaseDunoon

Iinkxalabo zesakhiwo ngebhulorho yeNdlela yasePotsdam zikhokelela kwisicwangciso sokufudusa amakhaya angama-225  INTATHELI YETHU Efuna ikhusi uMbuyiselo Pama, 42, ubhenele ekugrumbeni kudonga lwendlela iPotsdam apho ibhuloho isiporo sikaloliwe eDunoon ukuze alungise indawo yetyotyombe elinamagumbi amabini ahlalise yena, inkosikazi yakhe nabantwana abathathu.  Abanye abantu abadinga izindlu baye bagrumba kweli litye, abanye babo bebhentsisa iintsika zeebhulorho.  Oku kuthintele umgaqo […]

Alitshoni lingenandaba 

Umlilo usube imiphefumlo yabantu abathathu AMBESIWE MBANA  NgoMgqibelo ngomhla we17 kule nyanga imiyo umlilo omkhulu usube imiphefumlo yomntwana obeneminyaka eli14, umama wakhe kwakunye nesinqandamathe sikamama wakhe nekukrokreleka ukuba besiyolala apho kumatyotyombe amade kufuphi nendawo yentselo. Abahlali bashiyeke bethe nkamalala emva komlilo otshise amatyotyombe aqikelelwa kuma-20 ukonyuka.  Lo mlilo kusolwa ukuba uqale emva kokuba omnye wabanxusi bakamama uNomapha […]